UAthi Jack waseMdantsane eMonti akavumelanga ikhondo likayise ukuba licinezele ezakhe iinjongo zokuba ngumfama wemfuyo. UJack uqale ukusebenza kwishishini lamatayara likatata wakhe nathe kamva waziqalela elakhe.
“Ndiqale ngo2018 ndavula eyam indawo yokuthengisa nokulungisa amatayara eHighway, emva kweminyaka emibini ndathenga isiza eNxarhuni ndaqalisa ngeebhokhwe ezine,” uthethe watsho uJack.
Ukuvelisa ukutya kubaluleke kakhulu njengelinye lamacebo okulwa indlala nentswela ngqesho. Ezolimo zenza ukuba ubani aziqashe angenise imali de aqeshe nabanye abantu entlalweni.
“Ngoku ndithengisa amaqanda, iinkukhu, iigusha, iibhokhwe neenkomo, ndikuthanda ngenene ukufuya,” kutsho uJack.
Ngenxa yeshishini lakhe lokufuya, uJack ukwazile ukuthenga indlu. Uthi ukungabinasidanga akusosiphelo sobomi, abantu abatsha mabaqalise ukufunda ukulima nokufuya.
“Ndithengisa amaqanda am ngokwahlukeneyo, amanye alishumi elinesibini, amanye angamashumi amathathu ukuya kumashumi amathandathu, ndithengisa malunga namawaka amathathu amaqanda ngeveki,” utsho uJack.
URhulumente nabezoshishino basoloko bekhuthaza uluntu, ingakumbi ulutsha, ukuba baqalise ukuzimela ngokuvula amashishini.
“Iinjongo zam kukukhuthaza ulutsha nokubabonisa ukuba le nto yokufuya ayiyonto yenziwa ngabantu abadala kuphela, nathi silulutsha singayenza le nto yokulima nokufuya,” kucacisa uJack.
Uthi enye yeenjongo zakhe kukhulisa ishishini lakhe lokufuya iigusha ukuze avelise uboya. “Xa ndinokukhula kushishino lokucheba uboya ndithengise, ndinethemba lokuba ndingakhulisa imveliso, ngenxa yoko ndingatsho ndikwazi ukuqesha abanye abantu,” uhambisa atsho uJack.
Ngenxa yeenzame zakhe kwezolimo, uJack uqeshe abantu abane ngelizama ukwenza inguqu kwiimpilo zabo.
Halala, utshatile uMama Joy!