Umbona lo yenye yeemveliso eziphambili kwintlalo yoluntu ingakumbi kwilizwekazi laseAfrika. Ulimeka lula, nokuwukhathalela akunzima, ukwanika isivuno esihle xa utyalwe kumhlaba olungileyo.
Kukho uqikelelo lokuba imveliso yombona izakuba ingaphantsi kweyonyaka ophelileyo nakwihlabathi ngokubanzi.
Ngaphambili, iEntsimini ikhuphe ingxelo yokuba nguMzantsi Afrika ozakuba nengxaki yemveliso yombona ephantsi, kodwa ngoku kuvakala ukuba nehlabathi liza kuchaphazeleka.
Kuqikelelwa ukuba imveliso yombona yehlabathi iza kuhlala ikwibhiliyoni yeetoni kuphela. Oku kubonisa ukuhla okucacileyo kunesivuno sonyaka mali ogqithileyo.
Ukuhla komyinge wesivuno sombona kwihlabathi kubangelwa ziingxaki ezininzi eziquka ukungazinzi kwemeko yezopolitiko kwiindawo ezithile kwihlabathi.
Ukuhla kwemveliso yombona eMelika, Argentina, Ukraine naseRussia kunegalelo elimandla kwimeko yokuhla kwemveliso yombona kwihlabathi. Imveliso yombona kwihlabathi iza kuhla ngeepesenti ezimbini ekhulwini.
Ingcali yoshishino lwezolimo, uWandile Sihlobo, uthi imozulu eguqukayo inegalelo elimandla kuyo yonke lento. “Imozulu eguqukayo inegalelo elicacileyo kuyo yonke le meko, ngoko ke kufuneka amanye amacebo okukhulisa imveliso yombona kwihlabathi,’’ kutsho uSihlobo.
Uhambisa athi oku kuzakuba negalelo elimandla kumaxabiso yezinto ezityiwayo ezenziwa ngeemveliso zombona.
Umbona kukutya okusetyenziswa ngeendlela ezahlukeneyo kwilizwekazi laseAfrika ngenxa yexabiso elifikelelekayo. Uninzi lwamakhaya eMzantsi Afrika lutyala umbona kuquka namafama asakhulayo ngeenjongo zokuziphilisa. Umbona utyiwa ngabantu kwakunye nemfuyo ngeendlela ezahlukeneyo.
“Imveliso zeenkozo eziquka irayisi nazo zizakuchaphazeleka kule meko, ngoko kufuneka amafama asebenze ngobunono obubodwa,” uhambisa atsho uSihlobo.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!