USiyabonga ‘Doctor’ Mbatha ngumfama

Ngumsebenzi omhle, oncomekayo kakhulu ukubona umntu omtsha ofana noSiyabonga ‘Doctor’ Mbatha ezinikele kulimo de akwazi ukuvula inkampani yeshishini lokulima.

UMbatha ngumfama olima imifuno okwangumvelisi wamaqanda eNewcastle kwiphondo laseKZN.

“Ndingumsunguli wenkampani iShandu SA Enterprise kwifama iMndozo, ngiqale ngeyeKhala ngo2021, ndijonge phambili kakhulu ngokulima,” kucacisa uMbatha.

Xa ecacisa uthi waqala ngokufuya iinkukhu zokuvelisa amaqanda nemifuno.

“Ndikhuthazwe nguWandile Maswazi Thwala eMnambithi kwinkampani ebizwa ngokuba yi-Izinjuli Development Group,” kutsho uMbatha.

Ukuqala ukulima ngamakhaphetshu angamashumi amathathu kuphela yimbonakalo yokuzinikela okuhamba nothando lokulima.

“Ndakwazi ukunyusa inani lamagaqa wamakhaphetshu ayokutsho kumakhulu amahlanu, ngoku ndityala amagaqa wamakhaphetshu akumawaka amahlanu,” kuthetha uMbatha.

URhulumente weli usoloko ekhuthaza uluntu ngakumbi ulutsha ukuba lungene ngamandla kwiinzame zokuvelisa ukutya ukuze kuliwe indlala.

“Ndikwatyala imifuno efana nephepha eluhlaza, ispinatshi kwakunye netumato,” uhambisa atsho uMbatha.

Ngenxa yokulima, uMbatha uthengisa kumashishini aquka iNewcastle Fruit and Veg City kwakunye nabathengisi basezitalatweni.

“Ndithengisela neevenkile ezinkulu ezikhoyo apha, ndikwathengisela izikolo ukuze zikwazi ukondla abantwana kutsho kungene imali njengamanye amashishini,” kutsho uMbatha.

UMbatha akayilibali inkxaso ayifumana kubantu basekuhlaleni abathi bathenge imifuno yakhe ukuze kukhule ishishini lakhe.

“Ngenxa yenkxaso yabo ndizibona ndinyanzelekile ukuba ndikhuthale nangaphezulu kumsebenzi wokuvelisa ukutya,” kutsho uMbatha.

Ukhuthaza ulutsha ukuba luxhobe ngolwazi, ukukhuthala kwakunye nomdla wokuhlala befunda maxesha onke ukuze baphumelele kwezolimo.