UThanda Mchunu udume ngokulawula ngobunono ifama evelisa inyama yenkomo esemgangathweni de waphumela kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika.
UMchunu yinzalelwane yephondo laseKZN kodwa usebenze njengomlawuli wefama yeenkomo eDemocratic Republic of Congo (DRC).
“Njengomlawuli wefama yeenkomo zenyama bendisebenza kwifama eziihektare ezingamawaka amathandathu eDRC nebigxile ekondleni nokuvelisa iinkomo zenyama ezisemgangathweni,” kutsho uMchunu.
Kule fama uMchunu ebejongene neenkomo zenyama ezikumawaka amabini namakhulu amahlanu, kwaye ekwenza konke oko ngononophelo nobuchule.
“Ngoku ndisebenza njengomlawuli wefama ebizwa ngokuba yiMashamba eUganda, umsebenzi wam ugxile ekukhuliseni, ukutyebisa nokugcina umgangatho weenkomo zenyama uphezulu,” kucacisa uMchunu.
Lo kaMchunu ukholelwa ukuba uninzi lwamafama eenkomo zenyama eAfrika awanalo ulwazi olubanzi malunga nemveliso yeenkomo zenyama. “Ukuze umfama aphumelele kweli cala lokuvelisa iinkomo zenyama, umfama kufuneka asebenze ngokuzinikela okuphezulu ejonge ukukhulisa ingeniso,” utsho uMchunu.
Uhambisa athi ukukhula ngolwazi kushishino lwezolimo kubaluleke kakhulu kumafama kuba injongo yokuvelisa kukwenza imali.
“Imfundo ngundoqo owenza ukuba kuvuleke iingcango ezininzi kumfama asakhulayo, ngoko umfama kufuneka axhobe ngemfundo esaqalisa nje ukwenza iinzame zakhe zokufuya iinkomo zenyama,” kutsho uMchunu.
Ilizwe loMzantsi Afrika lelinye lamazwe agalela inyama yenkomo eninzi kumazwe ehlabathi nangona zikho iingxaki ezithintela ukukhula kwamafama kulo mkhakha.
“Kufuneka siqhubeke ngamandla ukufunda nokufundisana ngeendlela ezahlukeneyo zokufuya iinkomo,” uthethe oko uMchunu.
Iinkomo eziphambili kweli leAfrika ezivelisa inyama esemgangathweni ziquka iBrahman, Hereford, Brangus, Angus kwakunye neBonsmara.
“Amathuba akhona, kwaye kukho amathuba kuye wonke ubani onqwenela ukuthatha inxaxheba kwimveliso yenyama yeenkomo,” uvalelise ngelo uMchunu.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party