UTshilidzi ngumfama weenkomo

Umfama uTshilidzi Matshidzula.

UTshilidzi Matshidzula waseLimpopo uqale ukuba ngumfama weenkomo ngonyaka ka2007 eneenkomo ezingamashumi amahlanu kuphela. Lo mfama ngomnye wamafama amancinci amnyama abonise ukuzimisela ngokuvelisa ubisi ekwakhulisa nomhlambi wakhe.

“Ndineenkomo eziliwaka nekhulu ngoku sithethayo, ngazo ndivelisa ishumi elinanye lamawaka eelitha zobisi,” kuqhayisa uMatshidzula.

Uninzi lolutsha lwaseMzantsi Afrika lukhangela amathuba kwiindawo ezingekhoyo kwaye bayasilela ukuqaphela ukuzenzela imali ngokulima nokufuya.

Urhulumente kumaphondo nakuzwelonke uhlala ememelela ulutsha ukuba luzibangakanye nezolimo ukuze ulutsha luphume endlaleni.

Ukulima nokufuya kudinga ubani okhutheleyo, owuthanda ngenene umsebenzi wakhe nongalandeli isininzi.

“Ngonyaka ka2018 ndaphumelela imbasa kurhulumente kazwelonke, le mbasa yayihamba nemali engamakhulu amabini amawaka eerandi, yandinceda kakhulu ukukhulisa umsebenzi wam,” ucacise watsho uMatshidzula.

Iphondo laseLimpopo linawona mafama amatsha akhuthele ngokumangalisayo ngokulima nokufuya. Oku kuqapheleka ngokuba uninzi lwamafama aqokelela iimbasa eziphambili kuzwelonke aphuma kwela phondo laseLimpopo.

Uninzi lolutsha kweli lucinga ngemiqobo phambi kokuba luqalise ukwenza umsebenzi wokulima nokufuya. Oku kubangela ukuba bangaze baqalise ukusebenza bahlale bekhangela umsebenzi wengqesho.