Olu luhlobo lwebhokhwe enexabiso eliphezulu ngenxa yoboya bayo obusetyenziswa kwizinto ezininzi entlalweni. Uboya beAngora buvelisa iimpahla zodidi oluphezulu, izikhafu, iingubo, iikawusi, iijezi zasebusika nezinye iimveliso.
Imbali yezi bhokhwe ithi zifike kweli loMzantsi Afrika ngonyaka ka1838 zisuka kwilizwe laseTurkey ziqhutywa nguColonel Henderson owayengumhlali kwidolophu yaseCaledon kumazantsi weKapa. Kwiminyaka engaphambi ko1838 kwakungekho mthethweni kwilizwe laseTurkey ukuthengiswa kwezi bhokhwe kwamanye amazwe.
UHanerson wathenga iinkunzi zebhokhwe zeAngora ezilishumi elinesibini nethokazi elinye, kamva kwaqatshelwa ukuba ezi nkunzi zigqithile kwinqanaba lokuzalisa. Kodwa okwaba sisimanga kukuba lazala elo thokazi emva kwexesha elithile, kwaba lilishwa ukuba laphinda lazala itakane eliliduna.
Ngo1856 kufike omnye umthwalo webhokhwe zeAngora eGqeberha zithengwa yinkampani yakwaMosenthal. Ngonyaka olandelayo u1857 kwathengiswa kwintengiso yasesidlangalaleni iinkunzi ezisixhenxe zeAngora kwidolophu yaseRafu. Ngeli xesha bekunzima ukuthengiswa kwezi bhokhwe kumazwe angaphandle kwaye oku kwanyanzela ukuba umbutho iSwellendam Agricultural Society ingenelele ukusombulula iingxaki zokuthengwa kwebhokhwe zeAngora.
UGqirha Henry White wangelelela naye kwilinge lokuthenga ezi bhokhwe, waza ngoncedo loosomashishini baseLondon abangabahlobo bakhe wakwazi ukuzithenga. Ezo bhokhwe zazithengwe nguGqirha Henry White zathengiselwa amafama weebhokhwe eCaledon, Swellendam naseRafu.
Phakathi konyaka ka1857 no1868 zaziliwaka iibhokhwe zeAngora kweli loMzantsi Afrika zithengwe kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi. Ngenxa yokukhula komdla wamafama wemfuyo kolu hlobo lwebhokhwe ngonyaka ka1912 laliqabele kwizigidi ezine inani lebhokhwe zeAngora eMzantsi Afrika.
Ezi nguqu zenza ukuba uMzantsi Afrika ungenelele kumazwe athengisa uboya beAngora kwihlabathi. Ngelo xesha eli loMzantsi Afrika lalithengisa amashumi amane anesithandathu amawaka eekhilogram zoboya beAngora. Ngo1880 ziqikelelwa kwishumi elinesibini lamawaka iibhokhwe zeAngora ezathi zafa ngenxa yokungamelani nengqele yaseKaroo. Kungeli xesha kanye apho ibhokhwe zeAngora zathi zanaba ngamandla kumaphondo ahlukeneyo oMzantsi Afrika, kodwa iMpuma Koloni ihamba phambili ngokuvelisa ezi bhokhwe.
Imfazwe yokuqala yehlabathi (1914) yaba negalelo elibi kwimveliso yebhokhwe zeAngora, logama nezifo zazithe gqolo ukubulala ezi bhokhwe. Ngonyaka ka1920 inani lezi bhokhwe lehla lisuka kwizigidi ezine ukuya kwizigidi ezibini kuphela. Ngenxa yeengxaki eziquka izifo nembalela, urhulumente woMzantsi Afrika ngelo xesha wakubona kufanelekile ukuba acele amafama ukuhlukane nokufuya ezi bhokhwe. Kwangeli xesha linye kube kukhula imveliso yegusha zoboya eMzantsi Afrika iMerino, kodwa amafama webhokhwe zeAngora eJansenville, Steyterville naseSomersert East azigcina iibhokhwe zawo. Ngonyaka ka1951 kwamiselwa ibhunga lokujongana nemveliso yoboya beAngora, kwaye oku amafama akholelwa ukuba kwanceda ukugcina ezi bhokhwe zinoboya bexabiso.
Kunamhlanje ilizwe loMzantsi Afrika litshotsha entla ngokuvelisa uboya bezi bhokhwe kwihlabathi ngamashumi amahlanu anesine ekhulwini. Ukanti iphondo leMpuma Koloni lona livelisa amashumi asixhenxe anesihlanu ekhulwini yobu boya. Ngoboya bezi bhokhwe kuveliswa iingubo zodidi oluphezulu iTinarha yinkampani yakwaPolo kunye neRalf Lauren. Iinkampani eziquka iLaura Ashley, Pure Cape kwakunye neAlfred Dunhill zivelisa iimpahla eziquka ijezi nebhatyi ezenziwe ngoboya bale bhokhwe yodidi.
UDintle Maphala waseMaletswai ngumfama osemncinci olinina ovelisa ezi bhokhwe kwifama yakhe. IMpuma Koloni isahamba phambili kweli loMzantsi Afrika ngokuvelisa olu hlobo lweebhokhwe. Minyaka le ezi bhokhwe zithengiswa esidlangalaleni eRafu, James Calata, Jansenville naseSomerset East. Liyakhula inani lamafama asaqalayo athenga naqaphela ubunganga bebhokhwe zeAngora. Kwintlalo yasezilalini uboya bale bhokhwe busetyenziswa ukuhombisa amagqirha, abenkolo yesiNtu kwakunye nezindlu ngokwenza iimethi zokunyathela emakhaya. Amafama ezi bhokhwe athi azidingi mayeza ukuze ziphile koko zithanda ukugcinwa ebushushwini xa kukho ingqele. Bambi bayazihlamba ukugcina ukuqaqamba koboya bazo.
Umbutho iSouth African Mohair Association nguwo ojongene nendlela zokukhuliswa nokukhuselwa kolu hlobo lebhokhwe eMzantsi Afrika. Lo mbutho uxhobisa ukwafundisa amafama ngeendlela ezahlukeneyo zokuveliswa kweebhokhwe zeAngora. Ngaphambili ezi bhokhwe bezifihliwe kumafama ezinye iintlanga, kodwa ngoku uRhulumente unikisa ngezi bhokhwe kakhulu kumafama amnyama.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?