Yakhala ipikoko efama

Le yenye yentaka ehamba yodwa ngobuhle kwintlalo yasekhayeni okanye efama, kodwa bambalwa abantu okanye amafama anolwazi ngenzuzo yokufuya ipikoko.

Kukho abo bayithanda ngokuyibona kumzi wezilwanyana, abanye bayithelekisa nobugqwirha. Ukanti bakho banolwazi lokuba le ntaka yintaka ethwala ithamsanqa nobunganga bokuhamba nezihlwe.

Kaloku iintaka azihlambulukanga zonke, nje ngoko zichaziwe nakwincwadi yembali yebhayibhile kumaKrestu ke. Ngaphandle kokuba iqhayisa ngobuhle ipikoko iluncedo kwikhaya lomntu ngamnye okanye efama yakho. Nje ngezinye iintaka ipikoko ikhwelwa yinkunzi yayo ukuze ibeke amaqanda, iwafukamele iqandusele.

Liyakhula inani lamafama amnyama aqalisa ukuqaphela ukubaluleka kwepikoko kwintlalo yabo. Iluncedo ipikoko kuba iyancedisa ukucoca izinambuzane kwanezirhubuluzi ezifana neenyoka, iimpuku nezibhabhayo iyazitya.

Oku kunceda ukuphungula inkcitho yomfama ukuthenga izixhobo zokubulala ezi zinambuzana, ikwanceda ukuphungula ingca egqithisileyo ukukhula.

Rhoqo ngonyaka iintsipha zale ntaka ziwaphantsi zisenza ukuba kubelula kumfama ukuzithatha azisebenzise. Ungazithengisa ziphila iipikoko, amaqanda wazo okanye inyama yazo nje ngezinye iintaka.

Iipikoko zizalwa zenze imibala ngemibala eyahlukeneyo, oku kwenza ukuba umfama azikhethele owona mbala awuthandayo. Nangona engamaninzanga amaqanda azalwa yimazi yepikoko, kodwa anencasa, makhulu kwaye athengiswa ngexabiso eliphezulu.

Ezi ntaka zikholwa kukuhlala kwindawo enomhlaba owaneleyo, kodwa ziyakwamnkela ukuvalelwa kwindawo ekhuselekileyo. Xa zithanda ziyabhabha, ziyangxola kusasa nasemva kwemini, ingakumbi ngexesha lokukhwela kwazo.

Inkunzi yawo ivelisa umsila wayo omhle omde xa ibonisa ukuba inqwenela ukudibana nomlingane wayo ngesondo.

Ipikoko iqhayisa ngobuhle bayo.

Zikhwela kwixesha eliphakathi kwentlakohlaza ukuya kumbindi wenyanga zasehlotyeni. Kumazwe afana neCanada nelizwe laseMelika ityiwa ngokusemthethweni inyama yepikoko, oko kuthetha ukuba iyathengiswa inyama yazo.

Ipikoko ziyondliwa nje ngazo zonke ezinye iintaka, kodwa ziyazizamela izinto zokutya ngaphandle kwengxaki nje ngoko sele kutshiwo ngasentla. Iintsiba zepikoko zingasetyenziswa ngeendlela ezininzi enye yazo kukuhombisa.

Ungazifaka phakathi kwamaflawa wakho ukongeza ubuhle kumaflawa asekhaya. Ipikoko iphila iminyaka engamashumi amabini ukuya phezulu, kuxhomekeka kwindlela ephila ngayo.

Kwizizwe ezininzi eAfrika le ntaka ibonwa nje ngentaka ehamba nethamsanqa, bambi bayayamanisa nezinyanya zawo. Kwinkolo yesiNtu kukho inkolo yokuba ukuhanjelwa yipikoko engaziwayo ekhayeni kuthetha ukuhanjelwa zizihlwele zekhaya.