Yinjinga ngenyama enkomo uMzantsi Afrika

Inyama yenkomo.

Ilizwe loMzantsi Afrika lihamba phambili ngokuba lelona livelisa inyama yenkomo eninzi nesemgangathweni kwilizwekazi laseAfrika. Eli lihleli kwindawo yamashumi amabini anesine kwihlabathi ngokuvelisa inyama yenkomo ethandwa kakhulu luluntu.

Ngamashumi amahlanu ekhulwini epesenti inyama yeli esetyenziswa ngamazwe ahlukeneyo elizwekazi laseAfrika.Ingxelo yonyaka ka2021 yayibonisa okokuba ilizwe loMzantsi Afrika lilo elinceda iAfrika ukuba ibonakale kumazwe avelisa inyama kwihlabathi.

Inyama yenkomo eninzi ehlabathini ivela kwilizwe laseMelika, kwaye ukumyinge wamashumi amahlanu ekhulwini epesenti. Ilizwe laseBrazil belihamba lodwa phambili ngokuvelisa inyama yenkomo kwihlabathi ngonyaka ka2021, kodwa emva koko izinto zijikile liyakhula inani lamazwe avelisa inyama yenkomo.

Ilizwe laseBotswana lihleli kwindawo yesibini kweli laseAfrika ngokuvelisa inyama yenkomo, ukanti ekugqibeleni kuhleli ilizwe laseZambia. Zinkomo ezingamashumi amathathu anesihlanu amawaka ezixhelwa kweli loMzantsi Afrika ngonyaka.

UMzantsi Afrika ukwahamba phambili ngokuvelisa iinkomo ezivelisa inyama esemgangathweni. Oku kwenziwa ziingcali ngokwenza zisebenzisa incindi yofuzo kwimfuyo kuveliswe iinkomo zohlobo oluthile. Ngenxayolulwazi amafama ayakwazi ukukhetha uhlobo oluthile leenkomo anqwenela uuzifuya kwifama zawo. Eli loMzantsi Afrika lineenkomo eziphambili zenyama eziquka iBrahaman, Angus nezinye iinkomo.

Ezi nkomo zimbini zidityaniswe kwakhutshwa iinkomo yenyama ekwasemgangathweni ebizwa ngokuba yiBrangus. Amafama eenkomo zenyama kweli anendibanisela zawo zemibutho ejongene nokuxhasa, ukufundisa nokukhuthaza amafama wenyama yenkomo.

ISebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMzantsi Afrika likwiphulo lokuqinisekisa ukuba amafama weli avelisa inyama yenkomo esemgangathweni. “Sinikisa ngenkomo zohlobo kumafama ukuze ashintshe imihlambi yawo, avelise iinkomo zenyama ukuze athengise akhule,” kutsho uMphathiswa uThoko Didiza.

Ukusukela emva ko1994 amafama amnyama kuzwelonke anikwa iinkomo zohlobo ukuze aqhubele phambili nokuvelisa inyama okanye ubisi. “Amanye amafama anikwa ezobisi, amanye ezenyama kuba sifuna ukuba akwazi ukungena kumgangatho wehlabathi,” utsho uDidiza.

Amafama athengisa inyama kwihlabathi ngoku ngamafama amhlophe ngenxa yokuba enazo indlela namandla okwenza oko.

Imibutho yendidi zenkomo zenyama eMzantsi Afrika efana neSouth African Red Meat Association yiyo ejongene nenkqubela kumafama wenyama yenkomo. Le mibutho ikhulisa, ikhuthaza amafama ukuba akhule nangakumbi kumsebenzi wawo wokuvelisa iinkomo zenyama. Uninzi lale mibutho ikhokhelwe ngamafama amhlophe, logama amafama amnyama avelisa inyama yenkomo engenayo imibutho esemthethweni.