Uninzi loontanga bakaZandile Ndlovu basakubona ukulima nokufuya njengento engacocekanga okanye into yabantu abangafundanga okanye abantu abadala.
“Ndiziva ndinemincili ukuzazisa ukuba ndingumfama osakhulayo, uZandile Ndlovu ophuma eMgungundlovu kwiphondo laseKZN,” ucacisa atsho uNdlovu.
Lo ngomnye wamafama amatsha aqinisekileyo ngothando lwabo lezolimo olubangela ukuba ukulima nokufuya kube yinto yemihla ngemihla kubo.
“Ndikuthanda kakhulu ukulima nokufuya, ngenxa yoko yonke le nto ndiyenzayo ndiyenza ngomzimba okhululekileyo,’’ utsho uNdlovu.
AmaSebe ahlukeneyo kaRhulumente ahlala ekhuthaza, ingakumbi ulutsha, ukuba luqalise amalinge okuzenzela imali ngokushishina.
Ulimo yenye yeendlela eziphambili ekumele ukuba ziyaqatshelwa ngamafama asakhulayo okanye abo baneenjongo zokwenza ushishino kweli.
UNdlovu ngumfama ovelisa imifuno equka itumato, iinkukhu kwakunye namaqanda eenkukhu ukuze azithengise.
“Ndizimisele ukwabelana ngolwazi namava amancinci ngendlela kunye nomsebenzi endiwenzayo kwezolimo nokufuya, kwelinye ke icala, nam ndikulungele ukufunda kwabanye abantu abafana nam,” uhambisa atsho uNdlovu.
Iinzame zokuvelisa ukutya ngokulima nokufuya zinefuthe kwindlela ekubekwa ngayo amaxabiso okutya kwilizwe nakwihlabathi jikelele.
“Kumafama asakhulayo nje ngam, ndicebisa ukuba sikhule kunye sixhasane, singashiyani ngasemva omnye azicingele yedwa, kodwa kufuneka sixhasane sikhule kunye,” kutsho uNdlovu.
Minyaka le uRhulumente weli ukhupha uncedo oluzama ukukhawulelana namafama amnyama asaqalayo ukungena kwezolimo. Uninzi lawo luyaphumelela kumsebenzi wolimo beqhutywa yinkuthalo kwakunye nothando lezolimo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo