Zigxothiwe iimveliso zolimo zeli eBotswana

Ilizwe laseBotswana lithathe isigqibo esothuse wonke ubani sokuba iimveliso zemifuno zoMzantsi Afrika zingaphinde zingene kwela lizwe.

Ingxelo ithi uMongameli welizwe laseBotswana, uGqirha Mokgweetsi Masisi, wenze esi sibhengezo ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yeKhala kulo nyaka.

“Isigqibo sethu sokuthintela imifuno esuka kumazwe angaphandle afana noMzantsi Afrika sisigqibo esihle esiza kunceda ukukhulisa imveliso noqoqosho lwelizwe lethu iBotswana,” kutsho uMasisi.

Iingcali zopolitiko zithi esi sigqibo singonakalisa ubudlelwane phakathi kwamazwe ameleneyo afana noMzantsi Afrika neBotswana.

“Esi sigqibo siza kunceda ilizwe laseBotswana ukuba lizimele, logama linegalelo kwiinzame zokukhulisa uqoqosho lwethu,” ucacise watsho uMasisi.

Ingcali yezoqoqosho kwezolimo uWandile Sihlobo uthi akothusi oku kwenziwe lilizwe laseBotswana.

“Ilizwe laseBotswana nelizwe laseNamibia izihlandlo ezininzi bezithintela okanye bezisoyikisa ngokuthintela ukungena kweemveliso zolimo zoMzantsi Afrika kumazwe abo,” kutsho uSihlobo.

La mazwe omabini abelana ngemida nelizwe loMzantsi Afrika, kwaye akwangamalungu endibanisela yamazwe akumazantsi weAfrika iSADC.

“Omabini la mazwe athi aneenjongo zokukhulisa amafama awo logama ezama ukuphungula iimveliso eziphuma kumanye amazwe, ingakumbi eMzantsi Afrika,” ucacisa atsho uSihlobo.

Ilizwe loMzantsi Afrika sele lineminyaka emininzi kakhulu lithengisa iimveliso zalo zolimo kumazwe amaninzi aseAfrika.

“Ukungasebenzisani ngeemveliso zolimo kula mazwe onke akukho bani uza kuncedakala, ngoko ke kumele ukuba iinkokheli zopolitiko zingxame ukungenelela,” utsho uSihlobo.

Ukungamkelwa kweemveliso zeli eBotswana kuthetha ukuba amafama weli aza kuhlala neemveliso ezingathengisekiyo.

Kutshanje uRhulumente welizwe laseBotswana udize ukuba uzakwandisa ixesha lesibonelelo sokutya kwemfuyo esinikwa amafama. Esi sibonelelo siza kuqhubeka kude kube ngunyaka ozayo u2025, itsho ingxelo.