Ikhangela iinkokheli zangomso iOne Day Leader

UZongezile Qeba owaphumelela kukhuphiswano lonyaka ophelileyo lweOne Day Leader UMFANEKISO: TWITTER

INKQUBO ekhangela inkokheli yangomso, iOne Day Leader, iyabuya nesizini yesixhenxe kwaye izicelo zivuliwe kwabo banomnqweno.

Le nkqubo, njengaphambili, ikhangela abathathi-nxaxheba abaphakathi kweminyaka eli18 nama25.

Indlela inye ayikatshintshi: Abantu abatsha abathandathu baza kube bebonisa ngezakhono zabo zobunkokheli ngokuthi baqubisane ngemiba ephambili eMzantsi Afrika – kwezoqoqosho, ezentlalo nemiba yepolitiki ngelixa besilwela itayitile yeOne Day Leader.

Aba kufuneka bakwazi ukucinga, babe nemibono ekrelekrele ngokunjalo bakwazi ukuxoxa.

Ukuba ucinga kukhangelwa wena, kufuneka ube unezi zinto zilandelayo:

Kufuneka ubephakathi kweminyaka eli18 nama25;

Kufuneka ubenesazisi esiluhlaza soMzantsi Afrika;

Ube unalo ibanga lematriki;

Ube uzibandakanye neprojekthi ethile kwaye ubenepotfoliyo;

Ube uyakwazi ukuthetha ulwimi lwesiNgesi ngokuchanekileyo;

Ube ungakwazi ukuhlala eRhawutini iinyanga ezintathu;

Ube akunalungu losapho olusebenza eSABC.

Ukuze ungenele, ngena kwiWebsite yeSABC Education. Umhla wokugqibela wokufaka izicelo nguLwesihlanu, 17 kweyeThupha 2018.