Izehlo zokutshona kwabantu elwandle

 Nangona ibeluvuyo xa
bekuqala unyaka omtsha kwezinye iintsapho zakuCentane ibizinyembezi
zonxunguphalo. Oku kulandela emva kokuba kubhubhe iintwazana ezimbinni
eziphakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesibini ubudala emva
kokutshona kwazo kulwandle iQolora by Sea elikuCentane ngethuba bebhiyozela
ukuza konyaka omtsha. Amapolisa akuCentane avule iqwakuqwaku lophando,
ngokwengxelo ephuma kuKapteni Jackson Manatha. UManatha uthi, ezi ntwazana zirhaxwe
ngethuba zidada elwandle. Imizimba yezi ntwazana ifumaneke kwangoko kwaye
nezihlobo zamaxhoba sele zazisiwe. UManatha uthi logama inkwenkwe eneshumi
elinesibini (12) ebirhaxiwe kwa kolu lwandle ayikhange ibonakale nekuvakala
ukuba uthathwe ngamaza amakhulu ngethuba ebesazonwabele edada. Amapolisa
ezohlangulo iK9, izihlobo, abazali kwakunye noogxa bakhe basathe gqolo
ukugqogqa umzimba wenkwenkwe kolu lwandle. Kusenjalo kurhaxwe indoda enamashumi
amabini anesithandu (26) ithe yabhubha kulwandle iKariega eKenton on Sea
ngomhla weKrisimesi ngethuba le ndoda idada noogxa bayo. Isithethi samapolisa
ephondweni uKhaya Tonjeni uthi abezohlangulo bakwa-NSRI kwakunye namapolisa
azindadi bakwazile ukuwufumana umzimba wexhoba nangona nje besele libhubhile
ngethuba lihlangulwa. Obambele njengenkumanda kumapolisa ephondo leMpuma Koloni
uNjengele Andre Swart uthe, ubomi bubalulekile ngoko ke abantu mabahlale bethe
qwa ingakumbi ngeli xesha lokugqibezela iiholide zokuphela konyaka elwandle. Uthi
mabangabisangena emanzini abo bazintyintye ngotywala ukulwa iziganeko ezinje.

N gethuba amapolisa odado ekhangela umzimba wenkwenkwe kuCentane. Umfanekiso Amapolisa.