Ngubani uCyril Ramaphosa?

“Kukho usapho apha eMzantsi Afrika elizimisele ukutya imali yethu nolunye usapho lwase-India!” la ibingamazwi esiqhelo kaCyril Ramaphosa qho xa ethe watyelela eli laseMpuma Koloni. 
Simkhumbula eRhini, eMthatha naseMonti esitsho. Besekukhangeleka ngathi ngumntu lo ongenamqolo ncam ngoba ebengade ambize ngegama uZuma; ebesuke akwekwe umongameli othile orhwaphiliza imali.
Nangona kunjalo, ngenxa yamava akhe kwezoshishino bekukho ithemba lokuba inganguye ongalungisa ubugwenxa bukaKhongolose. 
Nangoku, ekuqaleni kwale veki uRamaphosa wonyulwe njengomongameli omtsha weANC.
Ngubani ke lo Ramaphosa?
UMatamela Cyril Ramaphosa wazalwa eSoweto pha ngomhla we-17 kweyeNkanga 1952. Wagqiba amabanga akhe aphezulu okufunda eSibasa High School eLimpopo. wangena kwipolitiki pha kunyaka ka-1972 xeshikweni efundela ubugqwetha kwiyunivesithi yaseTurfloop. 
Wabalilungu leSouth African Students Organisation (SASO).
Koka-1974 wabanjwa inyanga ezilishumi elinanye ngurhulumente wengcinezelo. Ukuphuma kwakhe wahamba wayokuba lilungu leBlack People’s Convention.
Kwakhona ngo-1976 wabanjwa, kwakhona erhanelwa ngokugrogrisa umbuso. Kweli tyeli wagcinwa iinyanga ezintandathu. Waphuma apho wayokusebenza njengegqwetha kwimibutho ngemibutho. Koka-1985 yabanguye okhokhela ukusungulwa kweCosatu. Kumsebenzi wabo wokumela amalungelo abasebenzi badibana neANC pha koka-1986. Kulapho ke waqala ukusebenzisana neANC kakhulu. Zange aphinde abuye mva. Yabangomnye wabantu bokuqala ukubona utat’ uNelson Mandela phambi kokuba akhululwe entolongweni. Wayekwakho nakwingxoxo zenkululeko zeli. Kukho abathi uMandela wayefuna uRamaphosa abe ngusekela mongameli kwangokuya kwakusaqala urhulumento lwabantsundu kweli.
Asazi ke, kodwa siyazi ukuba namhlanje nguye umongameli omtsha weANC. Kwiphepha lesine kweli uliphetheyo sibhala ngemingeni ajongene nayo ngoku. Ingaba na uzakukwazi ukudibanisa lo mbutho? Akwazi ukulwa ubuqhophololo njengokuba ebethembisa oko?