Umlilo ubulele isigulane eGroote Schuur

EKAPA: SIBULEWE ngumlilo otshise kwaWard G 17 izolo eGroote Schuur isigulane sendoda ebineminyaka engama 63

Abacimi-mlilo babizwe malunga nentsimbi yeshumi ngokuhlwa baze bafumana umzimba otshileyo, sitshilo isithethi sakwaFire and Rescue kwisixeko saseKapa uTheo Layne.

Abasemagunyeni basazama ukuphanda unobangela walo mlilo otshise le ward kuphela.Zonke izigulane ziye zakhutshwa kwaye akekho owenzakeleyo.

ULayne uthe:“Abomlilo nezohlangulo babizelwe umlilo ovele kwa ward G 17 malunga necala emva kwentsimbi yeshumi ngeCawe. Ngenxa yalomlilo kusweleke isigulane esiyindoda. Kutshe ibhedi netafile ebisecaleni kwayo kuphela.”

Ilungu likarhulumente waseNtshona Koloni uDarren Francis uthe basenza inzame zokuqhakamshelana nosapho lwalendoda. “Zikhutshiwe zonke izigulane kwaye umlilo uphelele kule ward. Ngelishwa isigulane esiyindoda esineminyaka engama 63 siswelekile. Singurhulumente weliphondo singama ngandlela zonke ukufumana unobangela walo mlilo,” utshilo.

Isithethi samapolisa uNoloyiso Rwexana uthe amapolisa asaphanda unobangela wokusweleka kwale ndoda.