Uqulukubhode ojongene neeyunivesithi

LO unyaka ingangomnye onokuqala kakubi kakhulu kwiiyunivesithi zeli loMzantsi Afrika, ukuba isimemelelo sombutho i-EFF yinto enokuthathelwa ingqalelo.

Lo mbutho ubhengeze kwimbalelwano yawo kule veki umemelela kwikhwelo lokuba lowo ucinga ukuba ufanele kukuba seyunivesithi okanye ekholejini kulo nyaka, makaye ngenyawo kuloo yunivesithi okanye ikholeji ukuze abhalise.

Lo mbono we-EFF ugxekiwe ngukhala weeyunivesithi zeli iUniversities South Africa. Lo khala uthi abafundi abangakhange bafake izicelo abazukwamkelwa ekubeni baye ngeenyawo kwiiyunivesithi zeli.

Umbutho i-EFF wenze esi sisimelelo kulandela isibhengezo sikaMongameli Jacob Zuma kwinyanga ephelileyo sokuba imfundo izakuba simahla kubafundi abaphuma kumakhaya arhola imali engange-R350 000, okanye ngezantsi, ngenyanga.

Ukhala iUniversities South Africa uthi kwindibano obuyibambile kwagqitywa kwelokuba iiyunivesithi zingakwamkeli ukungxanga kwabafundi befuna indawo yokufunda.

Kodwa isithethi se-EFF uMbuyiseni Ndlozi ukukhabile oku, esithi bona bengulo mbutho bayibona le nto ithethwa yi-Universities South Africa “njengenyathelo lokulahlekisa uluntu”.

“Bonke abafundi abakwilungelo lokufunda eyunivesithi mabanikwe ithuba lokuthabatha inxaxheba [kwesi sibhengezo] semfundo yasimahla. Oomanejala beeyunivesithi zeli bebesoloko benalo icebo lokuqubisana nabafundi abaya ngeenyawo kwiiyunivesithi zeli. Kutheni ngoku le nto ingazukwenzeka kulo nyaka?” kubuza uNdlozi.

UNdlozi uthi i-EFF izakuba kumasango eeyunivesithi zeli ukuqinisekisa ukuba abafundi banikwa ithuba lokufunda.  

Lo khala iUniversities South Africa ukwathe wothuka kakhulu ukuva isibhengezo sikaZuma, nanjengoko singacacanga kakuhle okokuba le mfundo yasimahla eyunivesithi izakuqhutywa njani.

Ingqonyela yaseFort Hare uNjingalwazi Sakhela Buhlungu ubhale kuFacebook wakhe kule veki esithi iingqonyela zeeyunivesithi zeli akuzange kuthethwe nazo malunga nesibhengezo sikaZuma semfundo yasimahla eyunivesithi.

Kusenjalo, iUniversities South Africa icebise abafundi abanomdla wokuya eyunivesithi ukuba babhalise kwiwebhusayithi yoluhlu olulindele iindawo zokufunda eyunivesithi. Idilesi yale webhusayithi ithi: cach.dhet.gov.za