KUBAFUNDI abaninzi iMathematics sisifundo apho sifuna ubani azikisise ukucinga ukuze aqubisane naso, kodwa ku-Athi Rwexu (26) iMathematics sisifundo esilula kakhulu xa usenza ngokusonwabela.
Yonwatyelwa kanjani iMathematics? Impendulo kulo mbuzo ilele kwi-App, ethi Beta Sigma X, ethe yasungulwa nguRwexu. Kule App kulapho ufumana zonke iimpendulo kwizinto ezikuxakileyo ezimalunga neMathematics.
URwexu, inzwakazi yaseNahoon eMonti, ufunde kwisikolo sendumasi ngokweziphumo zikaGrade 12 – iSt James Senior Secondary yakuCofimvaba – emva koko wayokufundela iActuarial Science kwiYunivesithi yaseKapa (UCT).
URwexu waphumelela uGrade 12 ngo2007 ekwiminyaka elishumi elinesithandathu, kwaye wayengoyena mfundi uphumelele emagqabini kwiphondo liphela.
Ethetha nephephandaba I’solezwe, ngethuba etyelele abafundi baseVulamazibuko High kwa-N.U. 1 eMdantsane, uRwexu uthi ezona njongo zakhe zokusungula le App, kukuba ufuna kuphele le nto yokuba iMathematics “yeyabantu abathile okanye sisifundo esinzima”.
“Emva kokuba ndiqaphele ukuba kukho abantu abasokolayo kwiMathematics ndagqiba kwelokuba mandincedise yiyo le nto ndibone kufanelekile ukusungula le App. Izinga lokuphunyelelwa kweMathematics liphantsi apha eMzantsi Afrika, ngookweenkcukacha zeWorld Economic Forum,” kutsho uRwexu.
“Ndifuna kuphele le nto yokuba iMathematics yeyabantu abathile, kuba amakhono amaninzi afuna iMathematics buqu. Ndifuna iphele nale nto yokuba umntwana xa enzinyelwa yiMathematics kuthiwe makayokwenza iMathematics Literacy,” utshilo uRwexu, ebalisela I’solezwe.
URwexu, osele esebenzele imizi yokuxuma efana noMomentum noAlexander Forbes, ngoku wenza isidanga seeMasters kwi-Actuarial Science eHeriot-Watt University eScotland.
Kule veki ujikeleze izikolo ezithile kwiphondo laseMpuma Koloni esabalalisa ilizwi ngale App yakhe. URwexu uthi wonelisekile yindlela abafundi abathe basabela ngayo kule nkquleqhu.
Lowo unomdla wokusebenzisa obubuchule bale nzwakazi angatyelela idilesi ethi: www.sigmax.co.za ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ngale App. Le App iyafumaneka nakuGoogle Play Store okanye kwi-App Store. Imali oyihlawulayo ukuze ufumane konke oku yi-R299.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini