2020/21: IMamelodi Sundowns ziintshatsheli ezivunyiweyo zeDStv Premiership!

Mamelodi Sundowns winners the DStv Premiership 2020/21 match between Mamelodi Sundowns and Cape Town City at Loftu Versfeld Stadium, Pretoria, on 05 June 2021 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela lasePitoli, iMamelodi Sundowns, ziintshatsheli ezivunyiweyo zeDStv Premiership kwisizini ka-2020/21. Ngomhla wokuvala isizini, iSundowns ivuthulule iCape Town City ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) emdlalweni obubanjelwe eLoftus Stadium. Nangona iqela likaManqoba Mngqithi lawuqoshelisa umsebenzi kusashiyeke imidlalo emibini – kodwa liqhubele phambili nokudlala ngathi akwenzekanga kwanto. Ukubetha kwalo iCape Town City emdlalweni wanamhlanje kuyicacise gca lo nto. Umtshutshisi omkhulu, uPeter Shalulile, ufake amagowuli amabini eyedwa watsho wavala isizini enamagowuli alishumi elinantlanu. Kanti igowuli lokuqala lifakwe nguLyle Lakay kwisigaba sokuqala. Iqale kakuhle iCape Town City emdlalweni – kodwa iSundowns ibuyile yawuthathela kuyo umdlalo.

Amakhosi ayifumene indawo kwiTop 8 emva kokuba ebethe iTS Galaxy ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuseMbombela Stadium ngale njikalanga. Igowuli ephumelele ngalo iKaizer Chiefs lifakwe nguSamir Nurkovic kwisigaba sokuqala. Ude waphela umdlalo iTS Galaxy ingakwazanga ukufumana igowuli lokulinganisa ebeliza kuqinisekisa ukuba iyahlala kwiTop 8. Kuthe xibilili izibilini kubalandeli beChiefs ngoba ibiza kuba lihlazo elikhulu ukuvala kweqela labo ngaphandle kweTop 8. Yona i-Orlando Pirates ayikwazanga ukubetha iTshakhuma Tsha Madzivhandila emdlalweni ophele kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli. Yona iChippa United iza kudlala imidlalo yokuxabangela emva kokuba idlale ntanganye neSuperSport United ngo’1-1 eGqeberha.

AmaZulu, avala isizini ehleli kwindawo yesibini, abambene neMaritzburg United ngeqanda macala emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium. Bekukho ixhala phambi komdlalo ngoba iMaritzburg ibingekaphumi ncam ezembeni. Inqaku elinye elizuzileyo liqinisekise indawo yalo kwiDStv Premiership. ISwallows, ebethwe kanye kule sizini, ibambene neBaroka FC ngo’1-1. Nangona iSwallows ilelona qela elidlale ntanganye ngaphezulu kwawo onke amaqela kula sizini – kodwa ivale kakuhle ngoba ikwazile ukubekela indawo kwiTop 8. ILamont Golden Arrows ibambene ngeqanda neStellenbosch. Yona iBlack Leopards, ethotyiselweyo, ibambene neBloemfontein Celtic ngo’1-1. Yonke imidlalo idlalwe ngaphandle kwabalandeli emabaleni ngenxa yeKhorona.