Amantombazana weelali zakuGatyane aya wuthanda kakhulu umdlalo womnyazi futhi athi afuna ukudlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika njengokuba lilungiselela ukudlala itumente yehlabathi enkulu eza kube iseKapa kulo nyaka.
Oku kuthethwe nguNoluvuyo Mahlanyana odlalela iYoung Tigers egqugqise kwitumente ebibanjelwe kwiilali zakuGatyane kwiiholide zokuphela konyaka ka-2022. Iqela lakhe lomnyazi iYoung Tigers yaseNtlahlane liye laziintshatsheli emva kokuba libethe iMpume ngo’13-2 emdlalweni wokugqibela wetumente ekuthiwa liKhakha likaTshaka Tournament. Yitumente ebiquke amaqela ebhola ekhatywayo nawomnyazi.
Ebholeni ekhatywayo, iYoung Tigers ibethe iNqabarha ngo’3-2 emdlalweni wokugqibela. UNoluvuyo Mahlanyana, odlalela qela lomnyazi, iYoung Tigers, uvakalise uchulumanco olukhulu emva kwetumente ngoba ukuphumelela yeyona nto ebisemqoka phambi kokuqala kwetumente. “Ndonwabe kakhulu emva kokuphumelela umdlalo wokugqibela kule tumente. Eyona nto ebangela ukuba kube mnandi ngakumbi kukuba asifunwa thina ngoba kuthiwa sidlala kakhulu. Singabantwana abasixhenxe abazithandela ibhola yomnyazi. Besingenawo amalalela nomqeqeshi. Sileli nani elifunekayo ebaleni qha,” utshilo uMahlanyana.
“Siliqela elihambela iindawo ezikude. Apho sihamba khona siyaphumelela. Kodwa pha kwezi iilali sidlala nje ngoba ziitumente ekungafunyanwa nto kuzo. Sifuna ukudlalela iSPAR Protears, nathi singabalapha eMzantsi Afrika. Thina singayimela neMpuma Koloni ngoba siyayidlala ibhola yomnyazi,” uvale ngaloo mazwi uMahlanyana. Omnye umdlali weTigers okwanguye nomqeqeshi odlalayo, uAmanda Mahanjana, uthethe wenjenje yena: “Bendinalo ixhala – kodwa ndonwabe kakhulu emva kokuphumelela kweYoung Tigers. Abantwana belali yam ndeza nabo kweli qela ngoba bafuna ukudlala ibhola. Kweyethu ilali akukho qela lomnyazi phaya eGwadu.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8