Abadlali abaphambili abafunwa shushu ngamaqela amakhulu

UThabiso Kutumela ngumdlali weMaritzburg United. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Njengokuba isizini yeDStv Premiership ka-2020/21 inethutyana ivaliwe, abaphathi bamaqela bakhangela abadlali abanokubafumana phambi kokuqala kwesizini entsha kwinyanga yeThupha. Baninzi abadlali abafunwayo emva kokuziqaqambisa kwisizini egqithileyo. Phakathi kwabadlali ekulindeleke bafunwe ngapha nangapha nguTabiso Kutumela odlalela iMaritzburg United. UKutumela udlale kakuhle kakhulu kwisizini egqithileyo kwaye ufake namagowuli ancede iTeam of Choice ebingayiqalanga kakuhle isizini. Akwenze ngethuba edlalela aBafana Bafana abazibethele i-Uganda ngo’3-2 emdlalweni wobuhlobo obukwiveki ephelileyo kumenze wanomntsalane kakhulu. Elona qela ekunokwenzeka lizame ukurhwebeshela kulo yiMamelodi Sundowns eziintshatsheli zeDStv Premiership.

Umqeqeshi wayo, uManqoba Mngqithi, watsho esidlangalaleni ukuba uTabiso ngumdlali amthandayo. “Andiqinisekanga ngokuza kwakhe kwiSundowns – kodwa ngumdlali endimthandayo,” utshilo uMngqithi ethetha neentatheli kutshanje. Kulindeleke kwenziwe iinguqu yiMaritzburg emva kokusokola kwisizini ehlangulwe kuyo kukubuya kuka-Ernst Middendorp. Nangona uKutumela, 27, engengomdlali onokuhanjiswa lula emva kokufaka ishumi elinesine lamagowuli – kodwa kuthiwa iTeam of Choice ingamthengisa ngoba ingenza imali enokulinceda iqela. Abanye abadlali abafunwa ngamaqela amakhulu nguTeboho Mokoena nogxa wakhe uSipho Mbule abadlalela iSuperSport United.

Zikhe zaqina iindaba ezithi Amakhosi ayabafuna bobabini. Ngoku aqeqeshwa nguStuart Baxter, ingenzeka lo nto ngoba ngabadlali asebenze nabo kwiSuperSport. Kodwa iChiefs ayiyodwanga, neSundowns inawo umdla kubo. Akukacaci kakuhle okuza kwenzeka – kodwa iChiefs kulindeleke yenze iinguqu ezibonakalayo emva kwesizini engantlanga. Yona iBaroka FC ingaphulakana no-Evidence Makgopa ofake amagowuli amabini emdlalweni weqela lesizwe kwiveki ephelileyo. Iingxelo zithi iChiefs, iSundowns ne-Orlando Pirates ziyamfuna uMakgopa – kodwa okungecaci ncam kukuba iBaroka iza kuvumana ukumthengisa. Kwakuba nzima ukumgcina kodwa ngoba iyayidinga imali enokuyizuza xa imthengisa.