Abadlali beKarati baseBhayi baya eJapan

Abadlali beMadibaz Karatekas abalandelayo nguLwazi Finca, uYongama Booi noGcobani Maxama - baza kumela uMzantsi Afrika kwitumente ekuthiwa yiWolrd Open Championships kwelaseJapan Umfanekiso: Brittany Blaauw

Iqela leKarati laseNelson Mandela University, eBhayi, liza kuthumela oompondozihlanjiwe kwitumente eza kubanjelwa kwilizwe laseJapan phambi kokusongwa kwalo nyaka.

UGcobani Maxama, uLwazi Finca noYongama Booi baza kuba phakathi kweqela labadlali beKarati abaza kumela ilizwe loMzantsi Afrika kwitumente enkulu ekuthiwa yiWorld Open Championships eza kubanjelwa kwisixeko saseTokyo ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesibini ukuya kumhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeNkanga.

UFinca noMaxama abaqali ukuya kumela ilizwe – kodwa sisiqalo esitsha kuBooi. Uhlobo lweKarati oludlalwa ngabadlali beYunivesithi yaseBhayi kuthiwa yiKyokushin.

Umphathi weKarati kwiziko lemfundo laseBhayi, uMnu. Bernard Petersen, uthe isikolo sivuyiswa kakhulu kukukwazi ukuvelisa abadlali abagqwesileyo kwizitayile ezahlukeneyo kwiKarati.

“Isitayile abaza kulwa ngaso abadlali bethu kuyathintana kuso kakhulu ngoba injongo yaso kukuwisa lowo udlala naye. Yahlukile kwezinye izitayile ikyokushim kwaye amathuba anqabile kuyo kakhulu. Sivuya kakhulu siyile yunivesithi ngoba abadlali zininzi izinto abadlule kuzo. Kuye kwanyanzeleka okokuba abadlali bethu bakhuphisane nabanye kwezinye izitayile zomdlalo weKarati ukuze bafumane ingqwalasela kwiitumente zehlabathi ezifana ne-All Africa Continental ebibanjelwe eKapa, iOyama Cup ebibanjelwe eThekwini neSouth African Champioship ebibanjelwe eBhayi kutshanje,” utshilo uPetersen.

Baqhube kakuhle abadlali baseNelson Mandela University kwezo tumente. UMaxama uphume phambili kwiitumente ezimbini kwezine adlale kuzo. Yena uFinca ukwazile ukubamba indawo yesibhozo kuzo zonke iitumente adlalileyo kuzo.

UBooi ubambe indawo yesibini kwiSouth African Championships. Abadlali baseMzantsi Afrika kulindeleke okokuba baswantsulisane noompetha abaphuma kumazwe aziwayo kwiKarati afana neJapan, iRussia neBrazil.