Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi abadlali bakhe benze konke obekufunwa ngabaqeqeshi emdlalweni. OkaMgqithi uphalaze imbilini yakhe emva kokuba iMagesi FC izibethele iSundowns ngamagowuli amabini kwelinye yaphakamisa indebe emva komdlalo obuseToyota Stadium ngorhatya loMgqibelo ogqithileyo.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla emdlalweni iSundowns iphala phambili ngegowuli elifakwe yifolosi eyinkathazo, u-Iqraam Rayners, ofumene ibhola entle kuLucas Ribeiro. Izinto ziye zaguquka kwisigaba sesibini emva kokuba iMagesi FC isebenzise kakuhle amathuba amabini ewafumeneyo yafaka amagowuli ephumelele ngawo.
Akukho mntu oyamkele lula into yokubethwa kweSundowns ngoba ibidlala kakuhle futhi inabadlali abasemgangathweni ophezulu kakhulu. UMngqithi uthe akukho nto egxekekileyo kubadlali bakhe ngoba umdlalo ubulawulwa ngabo futhi bayenze yonke into abayixelelwe ngabaqeqeshi. Ibikokwesibini iSundowns iwiswa nguClinton Larsen ophethe iMagesi FC ngoku.
“Ndicinga ukuba sibe nelishwa nje. Le yenziwe yindalo,” utshilo umqeqeshi weSundowns ephoswe yindebe yesithathu enyakeni omnye. “Akukho nto esingayenzanga ebiza kusinceda siphumelele umdlalo. Ebaleni umdlalo ubulawulwa sithi futhi sikhabele ezipalini izihlandlo eziliqela.
“UChipezeze wenze umsebenzi omhle kakhulu. Ebekhona amaxesha endicinge ukuba ibhola ngesiyisebenzise ngcono – kodwa xa ndithetha inyaniso, abadlali bethu badlale kakuhle,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo. Omabini amagowuli weMagesi athe gqi kwiibhola ezikhatywe nguChiramandare. Abakwazanga ukuzichitha abadlali beSundowns kanti ziza kubonzakalisa.
“Xa uvuma kugotyelwe ebhokisini iibhola ezinjeya, uzibizela ingxaki. Kodwa senze konke okusemandleni wethu. Ngelishwa asikwazanga ukuwasebenzisa amathuba wethu emdlalweni. Ilishwa lehlele abona badlale kakuhle. Siyavuyisana noClinton Larsen. Indlela awulungiselele ngayo umdlalo isebenzile nangona iqela lakhe lingadalanga mathuba maninzi emdlalweni,” utshilo uMngqithi.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika