Abafana babuye nayo iCOSAFA Cup!

Ekugqibeleni, ude wancuma naye uShakes Mashaba emva kokuba aBafana Bafana bephumelele iCOSAFA Cup ityeli lesine kwimbali yale tumente yamashumi amabini eminyaka!

Uncumo lakhe luza kanye emva kweentsuku ebezinzima ngenxa yokungaphumeleli kweenzame zaBafana Bafana zokuya kwi-2017 AFCON kutshanje. UMzantsi Afrika ubethe iBotswana ngamagowuli amathathu kwamabini [3-2] kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCOSAFA eSam Nujoma Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

UMashaba usebenzise abadlali abasakhulayo kule tumente, lo nto ibangele ukuba lingathathelwa ngqalelo iqela lakhe ngabantu abaninzi. Kwiveki ephelileyo, uShakes Mashaba, uthe yilo nto kanye ebanika amandla nebatyhalayo beliqela ukuze babuye nendebe.

Ngokwenene kwenzeke njalo. Umdlalo ubunzima kakhulu ngoba nangona aBafana Bafana bewuqale ngomfutho omkhulu, kodwa yiBotswana etsazise igazi kuqala. NguGift Motupa ofake amagowuli amabini ngepenela, laze elesithathu lafakwa nguThabiso Kutumela.

UMzantsi Afrika uphantse waphulukana nentlak’emlonyeni ngenxa kaReyaad Pieterse ophe iBotswana ibhola ebekufanel’uba uyibambile. Kodwa zonke ezo zinto zenzeke kuba abadlali abaninzi bebeqala ukudlala imidlalo ekumgangatho ophakamileyo kweli lizwekazi le Afrika. Ixolile intliziyo kaMashaba ngakumbi ngoba iqela lakhe alivumanga umdlalo uye kumapenela, into ebengayifuni. Lo mqeqeshi uncome ukuzinikela kwabadlali bakhe abakwazileyo ukubuya ngasemva emdlalweni kuyo yonke le tumente.

“Ndiyavuyisana neBotswana. Idlale kakuhle kakhulu, kodwa siye emdlalweni sikwazi okulindelekileyo. Ndithi halala nakumakhwenkwe am. Bazibonakalisile kule tumente. Umdlalo ubumhle futhi ndicinga ukuba ababukeli bawonywabele kakhulu. into ebesingayifuni thina kukuya kumapenela,” utsho uMashaba.

Khange aphelele apho uShakes, uncome iCOSAFA kodwa wathi ababandakanyekayo kufuneka banyuse umgangatho wayo. Eyona nto ibalulekileyo kukufumana uqeqesho oluphezulu kwabadlali abaya kwimidlalo ye-Olimpiki kwinyanga engaphaya kwale izayo.