ABafana Bafana abafuni ukubuyela ekhaya kwangoko, utsho uGrant Kekana!

UGrant Kekana uthi abadlali bawulungele umdlalo wanamhlanje obalulekileyo. Oku kuthethwe nguKekana phambi komdlalo omkhulu weAfrica Cup of Nations (Afcon) oza kube uphakathi koMzantsi Afrika neTunisia ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya eAmadou Gon Coulibaly Stadium.

ABafana Bafana baya emdlalweni wanamhlanje bekhuthazekile emva kokungomba iNamibia ngamagowuli amane eqandeni ekuqaleni kwale veki. Kanti yona iTunisia iphantsi koxinizelelo ngoba idlale ntanganye neMali ekuqaleni kweveki – kanti yabethwa emdlalweni wokuqala yiNamibia.

Akukabikho qela elinendlela ecacileyo kuGroup E ngoba kungenzeka nantoni emva kwemidlalo yanamhlanje. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uqule uligangathe ngoba udibana neTunisia eyingozi noxa izinto zingekayihambeli kakuhle kwiAfcon.

Okunye okuza kwenza umdlalo wanamhlanje kukuba iTunisia ingafuna ukubetha aBafana Bafana abaye baziintshatsheli zeAfrika emva kokubetha yona ngonyaka ka1996. UKekana, 31, uthi bonke abadlali babeke iingqondo zabo ekudlaleni neTunisia ngoba abakufuni ukuphuma kwangoko kwiAfcon eqhubekayo e-Ivory Coast.

Emdlalweni wesibini, uHugo Broos ukhethe ukudlalisa uGrant Kekana endaweni kaSiyanda Xulu kuba ebenexhala lesantya sikaPeter Shalulile ongabhaqanga nto emdlalweni ogqithileyo. Nanamhlanje kulindeleke uKekana adlale noMthobi Mvala emva kokuqhuba kakuhle. “Siwulungele umdlalo. Wonke umntu uzithembile futhi ujonge ukudlala neTunisia.

“Ngumdlalo omkhulu kakhulu kuthi. Asifuni ukubuyela ekhaya kwangoko. Sizimisele ukufumana iziphumo ezincumisayo emdlalweni olandelayo ngoba sifuna ukubhala iincwadi zembali ngokutsha xa sidlala neTunisia ngoba asinambali entle xa sidlala namaqela asemantla,” utshilo uKekana edlala emva.

Kwelinye icala, uBroos ukhale ngoba iTunisia ifumene ithuba lokuphumla kuneqela lakhe. “Into endingayithandiyo kukuba iTunisia ifumene ithuba lokuphumla nelokuzilungiselela ngaphezulu kwethu. Emva kwempumelelo esiyifumeneyo, siya kwiTunisia sikhuthazekile futhi siyayazi into esiyifunayo kuyo,” utshilo umqeqeshi izolo.

ABafana Bafana kufuneka badlale ntanganye ngeqanda neTunisia ukuze baye phambili kwiAfcon. Okanye baphumelele ukuze bangaxhomekeki kwamanye amaqela. Ukuphumelela kweTunisia ayisinto eza kubantywilisela ngoba kwakuxhomekela ukuba kwenzeke ntoni phakathi kweMali neNamibia.