ABafana Bafana babethe iMorocco phambi kwenyambalala eFNB Stadium

UZakhele Lepasa evuyela igowuli lakhe emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations phakathi koMzantsi Afrika neMorocco. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Bathe ngcu phezulu aBafana Bafana ngoku kuGroup K emva kokuba bebethe iMorocco ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations obuseFNB Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Emva kokushiywa nguClive Barker, owayengumqeqeshi weqela lesizwe, uMzantsi Afrika ubudinga into enokufunqula imimoya yabantu. Ngethamsanqa, aBafana Bafana benze kanye lo ngokubetha Morocco ekwindawo yokuqala kwizwekazi le’Afrika emva kokothusa ihlabathi lonke eQatar kwitumente yehlabathi kunyaka ophelileyo. Omabini amazwe ebedlala nje ngoba azifumana kudala iindawo zawo kwiAfcon eza kube ise’Ivory Coast ekuqaleni konyaka ozayo.

UMzantsi Afrika uhambe phambili emzuzwini yokuqala ngegowuli elifakwe ngunozinto, uMunir El Kajoui, ngempazamo ngebhola ebikhatywe nguPercy Tau kwisigaba sokuqala somdlalo. Noxa iMorocco ingawakhuphanga onke amandla wayo emdlalweni wanamhlanje – kodwa bezikhona iintlantsi phaya naphaya. Ukuba uZakhele Lepasa noMihlali Mayambela bebekwazile ukusebenzisa amathuba wabo, aBafana Bafana ngebewusonge kwa kwisigaba sokuqala umdlalo. Akukho msebenzi omkhulu owenziwe nguRowen Williams ngaphandle kweebhola ezimbalwa azibambileyo ebezingenabo ubungozi. Iindwendwe zibuye zinyuse iikawusi kwisigaba sesibini.

Abadlali Morocco bayibeke phantsi ibhola njengesiqhelo besiya phambili futhi kubonakala ukuba badlalela ukufumana igowuli lokulinganisa. Khange kube kudala, uLepasa ubhakuzelise umnatha ngebhola ebhikhatywe kuqala ngugxa wakhe uMayambela yaboyisa abadlali beMorocco abadlala emva. Ukuzithemba kuye kwakhula kubadlali boMzantsi Afrika, ngakumbi kumadoda afana noBathusi Aubaas (obeqala ngqa ukudlalela iqela lesizwe) obebotshwe noTeboho Mokoena esiswini. Umdlali owaziwayo, uHakim Ziyech, ubethe u’Innocent Maela ephikweni lasenxele watsala imbumbulu yebhola eyokuhlala emnatheni ingaphazanyiswanga mntu.

Kubekho ithemba kwiMorocco – kodwa amakhwenkwe kaHugo Broos khange atyhafe. Iinguqu ezintlanu ezenziwe nguWalid Regragui khange ziyincede iMorocco. UMokoena uphose ithuba lokubethelela isikhonkwane sokugqibela sebhokisi yeMorocco, ibhola yakhe iqabele ngaphezulu kweepali ephambi kukanozinti. UWilliams uhlangule uMzantsi Afrika emzuzwini wokugqibela iMorocco ikhangela igowuli lokulinganisa. Abalandeli abebeqabele ngaphaya kwamashumi amahlanu amawaka bayinikele umva iFNB Stadium bencumile namhlanje emva kokuba aBafana Bafana bebethe elinye lamazwe ayingozi kwizwekazi le’Afrika.