ABafana Bafana babethwe yiRwanda yasuka phezulu kuGroup C

UFiacre Ntwali weRwanda unqanda ibhola ebizanywa nguTeboho Mokoena weSouth Africa emdlalweni ohlakulela indebe yehlabathi ka2026. Umfanekiso: ©Julius Ntare/BackpagePix

UMzantsi Afrika ubuyela ekhaya umsila uphakathi kwemilenze emva kokubethwa yiRwanda ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni ohlakulela itumente yehlabathi eHuye Stadium emalanga namhlanje. Ngumdlalo angathanda ukuwulibala msinya umqeqeshi waBafana Bafana abaqale kakuhle kakuhle ngempelaveki egqithileyo eMoses Mabhida Stadium.

Ibala belisemgangathweni ophantsi kakhulu futhi limanzi, lo nto yenze kwanzima kubadlali boMzantsi Afrika abakwazanga ukudlala ngendlela ebekulindeleke ngayo. Besingcono isigaba sesibini – kodwa nakuso akukho mathuba acacileyo abakwazileyo ukuwavelisa.

Emva kwemidlalo kaGroup C, aBafana Bafana basusiwe kwindawo yokuqala ngoba iRwanda ibidlale ngokulingana neZimbabwe ngempelaveki egqithileyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla aBafana Bafana behamba emva ngamagowuli amabini eqandeni. Abadlali beRwana badlale ngokuzimisela ukusukela emzuzwini wokuqala.

Bawusukele uMzantsi Afrika oye eRwanda uzithembile emva kokubetha iBenin ngamagowuli amabini ngempelaveki. Abadlali bakaHugo Broos emva badlale umdlalo ongadibaniyo, lo nto ibaxhaphazise ngeefolosi zeRwanda ebezitshawuza okombane.

Emva kokudlala kakuhle, u-Innocent Nshuti ubhakuzelise umnatha ngebhola edlule ibaleka kuRonwen Williams oqhele ukuhlangula uMzantsi Afrika. Iphindile iRwanda ngebhola efakwe nguGilbert Mugisha kwakubi kakhulu kuMzantsi Afrika. Abadlali basemva abafana noSibisi, uMudau noXulu abadlalisananga kakuhle noWilliams.

Mhlawumbi libala elinengca yepulasitiki elibe yingxaki kakhulu abangaliqhelanga abadlali. Emva kokufakwa kwamagowuli amabini, uMzantsi Afrika uzamile ukudlala umdlalo obhetelana. Linye ithuba elicacileyo obenalo uMzantsi Afrika – kodwa nalo usompempe uthe kukho umdlali olaleleyo.

Umgangatho womdlalo uye wanyuka kwisigaba sesibini ngoba uMzantsi Afrika ubusukela iRwanda ekhawuleze yathezela emnxebeni kwisigaba sokuqala. Kwangoko kwisigaba sesibini, uMzantsi Afrika usukele ukhangela igowuli. UZwane noMokoena badlale kakuhle kakhulu esiswini – kodwa into ebenzima kukufumana iifolosi ezifana noZakhele Lepasa noPercy Tau obezigadwe kakhulu.

Nakubeni abadlali bakaHugo Broos beyisukele iRwanda ephumelele umdlalo omkhulu emva kwethuba elide yagqibela – kodwa kubenzima ukufumana negowuli eli lokubika ekhaya. Ngelishwa labo aBafana Bafana, bakhe phantsi isitya sigcwele ebaleni ebelithe gwantya amanzi.