UMzantsi Afrika uhleli ezantsi kuGroup K emva kokuphuncukwa ngamanqaku amathathu sele esesandleni. Oku kwenzeke emva kokuba aBafana Bafana bebambene neLiberia ngamagowuli amabini macala emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations obutak’ iintlantsi e’Orlando Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Bekunyanzelekile aBafana Bafana baphumelele ukuze baye emdlalweni wesibini kwiveki ezayo ngoLwesibini sele umcimbi ucalanye. Nangona amathuba okwenza oko ebekhona – kodwa akubanga njalo. Iqela likaHugo Broos lihlasele ngamandla kwa kwimizuzu yokuqala kwisigaba sokuqala somdlalo.
Emzuzwini weshumi elinanye, uPercy Tau uwiswe nguTommy Songo ongunozinti weLiberia. ULyle Fotser ufake ipenela batsho bakhokela aBafana Bafana. Konke oku kwenzeke emva komsebenzi omhle owenziwe nguRonwen Williams obethe ibhola ebisuka ekoneni ikhatywe nguMohammed Kamara. Bakhokele ngamagowuli amabini eqandeni aBafana Bafana emva kokuba uFoster efake igowuli lesibini ngentloko.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla uMzantsi Afrika unkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini futhi nomdlalo uphantsi kolawulo lwawo. Emizuzwini embalwa emva kokuqala kwisigaba sesibini, uTau ubhakuzelise umnatha ngebhola ebibekwe phantsi kude kufuphi emhlabeni kanozinti – kodwa usompempe, encediswa nguxa wakhe, akalivumanga igowuli ngelithi ibhola idlalwe ngumntu omnye yaya emnatheni endaweni yababini.
Emva koko, uTau uphinde wafumana enye ibhola ebilantywe kakuhle – kodwa ngelishwa, ibhola yakhe iphume ecaleni. UTonia Tisdell ufake igowuli lokuqala leLiberia ngebola edlule ebantwini yayo kuhlala emnathe. Ligowuli eliyinike amandla elo iLiberia. Nakubeni aBafana Bafana bezamile ukufumana igowuli lokutywina umdlalo – kodwa akubanga njalo. Endaweni yoko, uMohammed Sangare ufake imbumbulu yebhola ekude, uWilliams uve ngobaliselwa. Emva kwemidlalo emibini kuGroup K, iMorocco ikwindawo yokuqala inamanqaku amathandathu. Emva kwayo yiLiberia ilandelwe nguMzantsi Afrika.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023