Abalandeli bebhola ekhatywayo bayinikele umva iDHL Stadium bencumile emva kokubukela umdlalo obumhle izolo ngorhatya. Kodwa oyena mntu obencume ngaphezulu komntu wonke nguHugo Broos onikwe ukutya kwakhe. Oku kwenzeka emva kokuba aBafana Bafana bengombe iSouth Sudan ngo’3-0 emdlalweni obunhle eKapa.
Into eyonwabise kakhulu uBroos ngumdlalo omhle oveliswe ngabadlali bakhe ebaleni eligcwele abantu – into akudala eyilangazelela ukusukela oko wafika eMzantsi Afrika. Amagowuli aBafana Bafana afakwe ngu-Iqraam Rayners, uPatric Maswanganyi noTeboho Mokoena. Impumelelo iqinisekise ukuba uMzantsi Afrika uvala imidlalo kaGroup K uhleli phezulu emva kokuqokelela ishumi elinesine lamanqaku.
Ukusukela oko aBafana Bafana beqhube kakuhle kwiAFCON ebisekuqaleni kwalo nyaka uphelayo, abantu babanike inkxaso emangalisayo. Abalandeli bayenza lo nto befanele ngoba iqela lidlala umdlalo obhetele futhi neziphumo ziyancumisa kakhulu. Ekufikeni kwakhe, uHugo Broos wathembisa ngokubuyisela aBafana Bafana kwiAFCON neWorld Cup.
Uyenze kabini lo nto kwiAFCON, ngoku ubeke iliso lakhe kwitumente yehlabathi emva kokuphoswa kancinci yebiseQatar. Emva kokufumana itikiti ngaphandle kokubethwa, uBroos uvakalise ukwaneliseka kakhulu ngumsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe.
“Eyona nto ebalulekileyo kukuba siyaya kwiAFCON. Kodwa besifuna ukwenzela into entle abantu abagcwalise ibala,” utshilo umqeqeshi echulumancile. UMzantsi Afrika udlale imidlalo emibini yokugqibela sele uqinisekile ngendawo yawo kwiAFCON – kodwa uye wayiphumelela yomibini loo midlalo.
“Siwenzile umsebenzi. Umdlalo wethu ubumhle kakhulu futhi unamathuba amaninzi. Kundonwabisile ukufakwa kwamagowuli ngoba besifuna ukubulela indimbane yabantu abaye beza ebaleni namhlanje. Emva kokubukela umdlalo omhle, ndicinga ukuba wonke umntu wonwabile. Nathi sonwabile,” utshilo uBroos emva komdlalo.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman