ABafana Bafana baphise ngomdlalo kwiNigeria sekuphela ixesha emva kokuncedwa yiVAR!

William Paul Ekong of Nigeria challenged by Themba Zwane of South Africa during the 2019 Africa Cup of Nations Quarterfinals match between Nigeria and South Africa at the Cairo International Stadium, Cairo on the 10 July 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Idlulele
kumjikelo olandelayo iNigeria emva kokubetha uMzantsi Afrika ngamagowuli
amabini kwelinye (2-1) emdlalweni obudikidiki we-Africa Cup of Nations obuseCairo
International Stadium namhlanje ebusuku. Ngoku iNigeria yongeza inani kwiGhana
neSenegal ezikwazileyo ukuphumelela imidlalo yazo izolo nanamhlanje. UMzantsi
Afrika uphise ngawo umdlalo sowukwazile ukufumana igowuli lokulingasa ngoncedo
lweVAR. Umdlalo ubungekho sezingeni eliphezulu – kodwa ngaBafana Bafana
abadlale into engacacanga. Indlela abadlale ngayo namhlanje aBafana Bafana ayisondelanga
konke konke kwindlela ababethe ngayo iEgypt kwiveki ephelileyo. Lo nto inike
iNigeria ithuba lokulawula umdlalo kuzo zozibini iziqingatha. Ukubethwa
kwaBafana kuthethe ukuthi babuyela ekhaya emva kokwenza iimpazamo ezincinci
kwiindawo eziyingozi.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iNigeria ihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni. Isitshovutshovu
seNigeria, uAmhed Musa, sisukele zibekwa emdlalwe. UThamsanqa Mkhize kuye
kwanyanzeleka asebenze ngoba uMusa ebemmhleli emagxeni kwaye ingoyena mdlali
obeyingozi emdlalweni. UMzantsi Afrika awukwazanga ukuqala umdlalo ngendlela
ebilindelekile. Kodwa kukhe kwakho iintantsi ezibonakalayo ukusukela emva
kwemizuzu elishumi umdlalo uqalile. UPercy Tau, uThembinkosi Lorch noLebo
Mothiba bakhe badlala kakuhle besiya phambili – kodwa iinzame zabo ziye zaphanza
zingafikanga nakuDaniel Akpeyi ongakhatyelwanga nguMzantsi Afrika. Zitshintshe
emzuzwini wamashumi amabini anesixhenxe ngethuba uSamuel Chukwueze ebhakuzelisa
umnatha emva kokubhutyuzwa kwebhola ngabadlali basemva beBafana Bafana. Side saphela
isiqingatha sokuqala umdlalo ulawulwa yiNigeria.

URonwen Williams
uxhimfe ibhola ebimbi ka-Etebo emziziwni wamashumi amahlanu. Ibuye ngamandla kwakhona
iNigeria kubonakala ukuba ifuna ukulandelisa igowuli lesibini iwuvale umdlalo. Uphantse
wonzakala uMzantsi Afrika yibhola kaChuwueze ethe gqi ekunene yafika ingenaye
umgqibezeli. UStuart Baxter ukhuphe uThembinkosi Lorch, endaweni yakhe wafaka
uThemba Zwane enethemba lokuba uza kuphucula indlela iqela lakhe elidlala
ngayo. UDaniel Akpeyi ubambe ibhola engenamandla ebikhatywe nguPercy Tau
ngozuzu wamashumi amathandathu anesihlanu, bekunzima kuMzantsi Afrika nokufikelela
kuye futhi kungekho kwabhola ozikhabela ku-Akpeyi. Uphendule uBongani Zungu
ngomzuzu wamashumi asixhenxe – kodwa kuye kwajongwa kwiVAR emva kokuba
usompempe ebethe ulalele uZungu. Umdlali wasemva, uWilliam Troost Ekong ufake
igowuli lesibini leNigeria umdlalo sowuphela emva kokuba uWilliams ephose
ibhola ebisuka ekoneni.

 

South Africa:
Ronwen Williams, Thamsanqa Mkhize, Sfiso Hlanti, Buhle Mkhwanazi, Thulani
Hlatshwayo, Dean Furman, Kamohelo Mokotjo, Bongani Zungu, Thembinkosi Lorch,
Percy Tau, Lebo Mothiba.

Amalalela: Darren Keet, Bruce Bvuma, Ramahlwe Mphahlele, Daniel
Cardoso, Innocent Maela, Hlompho Kekana, Tiyani Mabunda, Sbusiso Vilakazi,
Thulani Serero, Lars Veldwijk, Lebogang Maboe, Themba Zwane

NigeriaAkpeyi,
Awaziem, Ekong, Omeruo, Collins, Ndidi, Etebo, Musa, Iwobi, Chukwueze, Ighalo

Amalalela: Ezenwa, Uzoho, Mikel, Ogu, Onyekuru, Kalu, Simon,
Balogun, Aina, Shehu, Onuachu, Osimhen.