Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, uqinisekile ukuba iqela lakhe liza kuyiphumelela imidlalo yalo emibini – kodwa akafuni lidelele. ABafana Bafana baqala indlela eya kwitumente yehlabathi ngokudlala neBenin neRwanda ngokulandelelana.
Baza kuqala ukudibana neBenini emdlalweni wokuqala ohlakulela i2026 Fifa World Cup oza kube use’Orlando Stadium, eGoli, emalanga ngoMgqibelo. Kwiveki ezayo ngoLwesibini, aBafana Bafana baza kwamkela iRwanda emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium.
Njengokuba aBafana Bafana bagqibela ukudlala kwitumente yehlabathi eyayisingathwe nguMzantsi Afrika ngo2010 – uBroos uthi lifikile ixesha lokuba babuyele kuyo kwakhona. Ukuzithemba kufunqukile enkampini yaBafana Bafana emva kokuba bebambene ne-Ivory Coast ngegowuli elinye macala emdlalweni obukwinyanga ephelileyo. Kanti phambi koko, babethe iDemocratic Republic of Congo neMorocco.
UBroos uthi iqela lakhe linawo amandla okufumana iziphumo ezincumisayo kuyo yomibini imidlalo yale nyanga. “Siya emidlalweni yomibini sizithembile emva kwendlela esidlale ngayo emidlalweni egqithileyo.
Mhlawumbi ukungakwazi kwethu ukubetha iNamibia neSwatini kungaluncedo. Abadlali kufuneka bakhumbule ukubaluleka kokungaphazamiseki kuyo yonke imidlalo abayidlalayo,” utshilo uBroos, ophoswe kukusa iqela lakhe eQatar kunyaka ophelileyo emva kokubethwa yiGhana eyancedwa ngusompempe. “Singakwazi ukuphepha ingxaki ngokudlala ngendlela efana ncamashi nendlela esidlale ngayo neMorocco, Ivory Coast neLiberia.
“Ndiqinisekile ukuba singakwazi ukuyiphumelela yomibini imidlalo – kodwa kufuneka silwe,” utshilo uBroos ekuqaleni kwale veki. Uza kuthembela ebadlalini abafana noThemba Zwane noPercy Tau emva kokurhoxa kukaLyle Foster osathathe ikhefu ebholeni okwethutyana ngenxa yempilo engentlanga.
Umqeqeshi ufuna iqela lakhe liphumelele imidlalo esekhaya ngamagowuli aliqela – kodwa kungafakwa nto kulo. Kwelinye icala, yimidlalo le uBroos aza kulungiselela ngayo iAfcon eza kuqala kwinyanga yokuqala kunyaka ozayo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike