ULyle Foster uza kubuyela eNgilane, apho adlala khona kwiEnglish Premier League, encumile emva kokuba encede iqela lesizwe emdlalweni wobuhlobo. ABafana Bafana bathe qhiwu umsila phezulu emva kokuba bequthise iDemocratic Republic of Congo ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni wokucweya obubanjelwe e’Orlando Stadium namhlanje ngorhatya. Igowuli ophumelele ngalo uMzantsi Afrika lifakwe nguLyle Foster odlalela iBurnley FC emva kokuba edlalelwe ibhola nguPercu Tau esendaweni entle kwisigaba sokuqala. Bekubalulekile kakhulu ukuphumelela kwabo aBafana Bafana emdlalweni wanamhlanje emva kokuba bebambene ngeqanda neNamibia komnye umdlalo wobuhlobo obubanjelwe eSoweto ngempelaveki egqithileyo.
Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ukhethe ukwenza iinguqu kwiqela eliqale umdlalo wangempelaveki. Abadlali abafana noZakhele Lepasa, uFoster, uTau, uMihlali Mayambela noRicardo Goss baqale umdlalo namhlanje ngoba umqeqeshi ebefuna ukunika abanye abadlali ithuba lokudlala nokuvala isikhalo sabantu abathe umdlalo wangempelaveki ubunganiki mdla. Umdlalo wnamhlanje ubumhle kakhulu ngoba omabini amaqela ebezimisele. Nakubeni kunjalo, nguMzantsi Afrika odale amathuba acacileyo kwisigaba sokuqala. UTau noNyiko Mobie bebekhathaza ekunxele. Kodwa naye uRicardo Goss ucholachola iibhola ezimbalwa ebizama ukuhlasela ngazo iD.R. Congo kwisigaba sokuqala.
Emva kokutshintshwa kwamacala, amaqela awunyusile umxakatho kakhulu. Abadlali beCongo baquqe bebuyelela ezipalini zikaGoss befuna igowuli lokulinganisa. UMthobi Mvala noSiyanda Xulu badlale kakuhle kakhulu ngoba bebekwazi ukubaluleka kokuphumelela kwaBafana Bafana namhlanje. UMlungisi Mbunjana noBathusi Aubaas badlale ngendlela encomekayo nabo ngathi banexesha elide bedlalela iqela lesizwe. UTau noFoster baqhubele phambili nokuyikhathaza iCongo nakwisigaba sesibini somdlalo – kodwa nayo imnyanzele uGoss ukuba abambe iibhola engeziwufake engxakini uMzantsi Afrika. Le midlalo yobuhlobo yeyokulola abadlali boMzantsi Afrika oya kwiAfrica Cup of Nations ekuqaleni konyaka ozayo. Eminye imidlalo yobuhlobo iza kulandela kwinyanga ezayo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?