Baphume bebokoboko amacala ebaleni abadlali beCongo Brazzaville ebethwe ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni obumhle eNelson Mandela Bay Stadium namhlanje ebusuku. Umdlalo kaGroup K, ohlakulela i2025 Afcon, uphantse wamoshwa zizaphuselane zabalandeli ezingene ebaleni ebeligcwele kungekho nendawo yokunyathela eGqeberha.
Nangona engekadlaliswa kwiMamelodi Sundowns kule sizini – kodwa uTeboho Mokwena ukwazile ukunceda ilizwe lakhe ngamagowuli amabini awafake kwisigaba sokuqala. Akukho nto engako ekunobaliswa ngayo ngeCongo ngoba iwayekile amathuba ewafumeneyo emdlalweni. Utake iintlantsi zisuka umdlalo ebaleni ebeligcweleyo kwisigaba sokuqala.
Liqela likaHugo Broos elinkqonkqoze kuqala ezipalini zeCongo Brazzaville – kodwa umzamo kaReagan Oswin Appollis. Balawule umdlalo aBafana Bafana bekhokelwa nguThemba Zwane noTeboho Mokoena esiswini. Emva kokoxhokonkxa amatyeli ambalwa, uMzantsi Afrika ubhalise ebhodini ngebhola entle efakwe nguMokoena. Ufumene ibhola ekhatywe kakuhle nguElias Mokwana ekoneni.
Emva kwemizuzu elishumi elinesine, uMokoena ubhakuzelise umnatha kwakhona batsho bahamba phambili ngamagowuli amabini eqandeni aBafana Bafana. Bashiyeke bethe khunubembe abadlali beCongo abamyeke wadlala ibhola endaweni eyingozi. Umdlalo uye wamiswa ixesha elide ngenxa yabalandeli boMzantsi Afrika abangene ebaleni emva kwegowuli lesibini likaMokoena.
Emva kokuqiniswa kokhuseleko ngaphakathi, umdlalo uye waqala apho ubuyeke khona. UBathusi Aubaas ufake igowuli lesithathu ngebhola ayifumene kuAppollis ekoneni. Babuyele ebaleni emva kwexesha lokuphumla aBafana Bafana bathatha apho bayeke khona kwisigaba sokuqala. Ilwile iCongo yanyanzela uRonwen Williams ukuba enze impazamo aphinde wayilungisa.
Emzuzwini wamashumi amahlanu ananye, uLyle Foster ufake igowuli lesine loMzantsi Afrika kwahlokoma iNelson Mandela Bay Stadium ebigcwele kungekho nendawo yokunyathela. Emva kokuphosa inqaba yamathuba kwisigaba sesibini, u-Iqraam Rayners ufike wafaka elakhe igowuli emva kokungena endaweni kaFoster ophume onzakele ebaleni. UWilliams uvale iibhola ezimbi kwisigaba sesibini emdlalweni ophele uMzantsi Afrika uphumelele ngo’5-0.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket