Abafana Bes’sthende bajolise iintolo zabo kwiRoyal AM kwidabi laKwaZulu-Natal

UVusumuzi Vilakazi ngumqeqeshi obambeleyo weGolden Arrows. Umfanekiso: Kabelo Leputu/BackpagePix

Idabi lobukhaya lephondo laKwaZulu-Natal kulindeleke livelise umdlalo usemgangathweni ophezulu ngempelaveki. Abafana Bes’thende baza kutshula iintolo zabo eziloliweyo kwiRoyal AM emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke utake iintlantsi eSugar Ray Xulu Stadium ngentsimbi yesithathu ngomso. Nangani isizini isecicini lokuvalwa – kuninzi kakhulu okusadlalelwa ngamaqela akwiDStv Premiership. Yona iGolden Arrows ilwela ukuqinisekisa indawo yayo kwiTop 8. Kanti yona iRoyal AM, ezenzele igama ngokugraya amaqela kwisizini yayo yokuqala, ilwela ukufumana indawo yesibini ukuze idlale kwiCAF Champions League okokuqala.

Umqeqeshi weGolden Arrows, uVusumuzi Vilakazi, uxelele iintatheli ukuba iqela lakhe lizimisele ukuyibhoboza ngotolo lifumane amanqaku apheleleyo emdlalweni wangempelaveki. Nakubeni yayiqale isizini ngendlela encumisayo phantsi kukaLehlohonolo Seema, iGolden Arrows ikhe yagqwidiza kakhulu kodwa ngoku ifuna indawo kwiTop 8 njengakwisizini egqithileyo. “Umdlalo ophakathi kwethu neRoyal AM ngeke ubelula ngoba kaloku lidabi lobukhaya. Emdlalweni wokuqala sabambana nayo – kodwa izinto ziza kwahluka kulo siya kuwo ndiqinisekile. Sifuna amanqaku amathathu ukuze single kwiTop 8. Umdlalo kuthi ubaluleke kakhulu ngenxa yeso sizathu,” utshilo uVilakazi.

Abafana Bes’thende bahleli kwindawo yethoba benamanqaku angamashumi amathathu anesithandathu. Yona iThwihli Thwahla (iRoyal AM) ikwindawo yesithathu emva kweCape Town City eyamkela AmaZulu emdlalweni wayo olandelayo. “Sijongene nomdlalo onzima kakhulu. Yiyo lo nto sizimisele ukusebenza ngokuzimisela ukuze siphumelele. Iyingozi kakhulu iRoyal AM xa ihlasela, kubalulekile kuthi ukuzikhusela. Siyabazi emva ayiqinanga iRoyal AM,” utshilo uVilakazi oqeqesha ngokubambisana noMabhuti Khenyeza. Omabini amaqela awayiphumelelanga imidlalo yayo egqithileyo. Yonke imidlalo yeDStv Premiership kule veki iza kudlalwa ngexesha elinye ngoMgqibelo emalanga.