Abafana Bes’thende abafuni ukuphinda esezolo kwiBetway Premiership

Emva kokubethwa emidlalweni eliqela ilandelelana kwisizini ephelileyo, iGolden Arrows iyiqale ngendlela encumisayo kakhulu isizini eqhubekayo. Iphakathi kwamaqela kwamaqela aphezulu kwiBetway Premiership emva kokuvula isizini ngokubetha iStellenbosch FC ngamagowuli amabini eqandeni.

Abafana Bes’thende babonisile ukuba impumelelo ayizanga ngempazamo ngokubetha iMarumo Gallants ngamagowuli amabini emdlalweni ebusekhayeni labo emalanga ngoMgqibelo odlulileyo. Ethetha neentatheli emva komdlalo wesibini, uMabhuti Khenyeza ucacisile indlela iGolden Arrows efuna ukulungisa ngayo nokuphepha okubi okwenzeke kwisizini egqithileyo.

Nakubeni kuye kwakhwetywa uSteve Komphela ukuze kuphucuke izinto kwisizini egqithileyo – kodwa abaphathi baye bamgcina uKhenyeza. Unikwe uxanduva lokusa iqela phambili emva kokuba uKomphela eye wabizwa wasabela yiMamelodi Sundowns kwakhona. UKhenyeza uthi iqela lakhe alizimiselanga kwaphela ukuhlala kwizinto ezigqithileyo.

“Ndicinga ukuba sonke sibeke iingqondo zethu kwikamva leqela. Okudlulileyo masilibale ngako ngoba kudlule. Into esishiyeke nazo zizifundo kuphela,” utshilo uKhenyeza ethetha neentatheli emva komdlalo ngempelaveki egqithileyo. Uthe ukuba umntu uhlala ecinga okwenzeke kwisizini egqithileyo, uza koyika ukuya phambili ngoba uza kumane ecinga ngezinto ezigqithileyo.

“Isizini egqithileyo masilibale ngayo, silapha kule ngoku,” utshilo uKhenyeza phambi kokuncoma abadlali bakhe. Okuncomekayo kwiGolden Arrows kukuba iphumelela ngendlela ecacileyo emidlalweni eyidlalileyo kule sizini eqhubekayo. “Kuhle ukuphumelela ngoba badlale ngokuzimisela kakhulu abadlali bethu. Sekulithuba elide belinde kuqale isizini.

“Kukho umoya omhle phakathi kwabadlali futhi bazimisele ukulwela iqela xa besebaleni. Xa singenayo ibhola siyayilwela. Siyazifumana iibhola ngoba siyazilwela. Akululanga ukudlala neqela elifana neMarumo Gallants ngoba lidlala ibhola futhi lidala amathuba,” utshilo uKhenyeza obancomileyo abadlali bakhe. Ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, iGolden Arrows iza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership oza kube usePeter Mokaba Stadium, ePolokwane.