Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!

Umdlalo weBetway Premiership ekube kuphela kwawo emalanga namahlanje, iGolden Arrows ibambene neTS Galaxy FC ngegowuli elinye macala emdlalweni obubanjelwe eMpumalanga Stadium. Nakubeni bekudlalelwa kwingqantsini yelanga eHammarsdale – kodwa amaqela omabini akwazile ukudlala umdlalo onomtsalane.

Emva kokubetha iKaizer Chiefs kutshanje – Abafana Bes’thende bangene emdlalweni bekhuthazekile. Lo nto ibonakele kwindlela edlale ngayo neTS Galaxy ebizimisele. Emzuzwini weshumi elinesixhenxe, uVelemseni Ndwandwe ubhakuzelise umnatha latsho lakhokela iqela ebeludlalela ekhaya. Igowuli liyixhokonxile iTS Galaxy ebuye ngamandla.

Kudlule imizuzu emithathu waphendula uVictor Letsoalo ngegowuli elihle lentloko. Emva koko umdlalo uye wabambana. Omabinii amaqela ebehlasela – kodwa elimkile emva ngoba ebengafuni ukulahlekelwa. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela ngalinye linegowuli ebhodini. Amagowuli akhuthaze abadlali kumacala omabini ngoba abanike ithemba lokufumana igowuli okanye amagowuli okuphumelela.

Siphelile isigaba sesibini kungekho qela elikwazileyo ukufaka igowuli. Ibingumdlalo wesibhozo weTS Galaxy ingabethwa kule sizini eqhubekayo. Ngoku iTS Galaxy ihleli kwindawo yeshumi elinesithathu emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinesihlanu emidlalweni elishumi elinesithathu. Yona iGolden Arrows isahleli kwindawo yesithandathu.