Abafana Bes’thende babokoboko amacala yinduku yeMamelodi Sundowns

UDivine Lunga ufake igowuli lesibini leMamelodi Sundowns ebethe iGolden Arrows emdlalweni weMTN8 namhlanje eLucas Moripe Stadium. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Indlela yaBafana Bes’thende kwisiqendu salo nyaka seMTN8 ifikelele esiphelweni namhlanje emva kokuvuthululwa yiMamelodi Sundowns. Abafana Bes’thende babokoboko amacala emva kokukrolonqwa ngenduku yiSundowns ephumelele ngamagowuli amathathu (3-0) emdlalweni obuseLucas Moripe Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Njengoko bekulindelekile, umdlalo uqala ngesantya esiphezulu ngokufanayo nomdlalo wokuqala owawuKwaZulu-Natal. Umtshutshisi omkhulu, uPeter Shalulile, ubhakuzelise umnatha emzuzwini wesine kwisigaba sokuqala emva kokuba uSifiso Mlungwana emunamune ibhola ebikhatywe nguThabiso Kutumela.

Khange kugqithe nomzuzu, uVelemseni Ndwandwe uphantse wafumana igowuli lokulinganisa – kodwa ngelishwa lakhe, ibhola ifike ethe qwa uReyaad Pieterse ezipalini. Kuyiwe kwixesha lokuphumla umcimbi ucalanye emva kwelinye igowuli leSundowns elifakwe nguDivine Lungu kwisigaba sokuqala. Akukho nto etshintshileyo kwisigaba sesibini, iSundowns ifike yalawula umdlalo ipholile kuba ibihamba phambili ngamagowuli. Izamile iGolden Arrows ukuzilwela – kodwa akukho mathuba acacileyo ncam ebinokuwasebenzisa.

UHaashim Domingo no-Andile Jali benze umsebenzi oncomekayo kakhulu esiswini. Kodwa kuye kwanyanzeleka uPieterse akhutshwe emva kokonzakala kakubi ebaleni. Indawo yakhe ithathwe nguRicardo Goss owayefudula edlalela iBidvest Wits. Emizuzwini yokugqibela yomdlalo, uNeo Maema ufake ibhola entle eshiye uMlungwana eme zu engazi nokuba makathini. Impumelelo yanamhlanje inika iSundowns ithuba elihle lokuphumelela iMTN8 Cup enethuba elide kakhulu ingakwazi ukuyiphumelela. Ngoku iSundowns ilinde iqela elakuthi liphumelele emdlalweni ophakathi kweCape Town City neSwallows FC ngomso.