Abafana Bes’thende bafundiswe ibhola simahla yiSundowns!

ULesiba Nku ngumdlali weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: MS/Facebook

Emva kwemidlalo emibini yeDStv Premiership kubekho abantu abanoluvo oluthi iMamelodi Sundowns ayikadlali ngesingqi sayo esiqhelekileyo. Namhlanje iDowns yenze edume ngazo ngethuba ifundisa simahla ibhola ekhatywayo Abafana Bes’thende ebabethe ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. ULesiba Nku ubethelele igama lakhe ezingqondweni zabalandeli beSundowns ngokubanika amagowuli amabini onke emdlalweni wakhe wokuqala. Lo ngomnye wemidlalo elula eyakhe yadlalwa yiSundowns ngoba idlale neqela elingakhange libonakalise ukufumana negowuli eli lokubika ekhaya. Icebo leGolden Arrows lokudlalela ukungabethwa limoshwe umdlalo ungekahambi nomgama omde kwisigaba sokuqala.

UThemba Zwane njengesiqhelo ebengoyena mdlali obekhokela xa iSundowns ihlasela encediswa nguNeo Maema oyingozi nesiquququ, uMarcelo Allende, ongowaseChile ngokuzalwa. Amasandawana aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngamagowuli amathathu eqandeni. Ngumtshutshisi omkhulu, uPeter Shalulile, oqale wabhakuzelisa umnatha. Emva kwakhe kulandele uLesiba Nku otyikitywe, phambi kokuqala kwesizini, ufake elakhe phambi kwelesithathu elifakwe nguGrant Kekana. Iqela laKwaZulu-Natal khange libenazo iimpendulo ngoba belidlala umdlalo ongacacanga. Yinto engaqhelekanga indlela elidlale ngayo ngoba liqhele ukubethwa lizilwele.

Nangona bekulindeleke iGolden Arrows ibuye ingcono kwisigaba sesibini, izinto ziye zonakala ngakumbi. ULesiba Nku ubhakuzelise umnatha okwesibini emdlalweni wanamhlanje emzuzwini wamashumi amane anesixhenxe. Abafana Bes’thende khange bakwazi ukukhabela ezipalini ibhola ebhadlileyo. URonwen Williams ebengaya edolophini ekufutshane aphinde abuye iArrows isazama ukuphuma emhlabeni wayo. Kube ngcono kodwa kwisigaba sesibini ngoba ikwazile ukunqanda iSundowns ingagaleli amanye amagowuli. Umqeqeshi weGolden Arrows, uVusumuzi Yashe, uvumile ukuba iqela lakhe alidlalanga kakuhle emdlalweni wanamhlanje kwaye liza kuthatha izifundo emdlalweni wanamhlanje xa lisiya emdlalweni olandelayo. Ihleli phezulu iSundowns kwakhona emva kokuphumelela umdlalo wayo wesithathu weDStv Premiership.