Abafana Bes’thende bakhuphele umsindo kwiPolokwane City namhlanje emalanga

Angelo Van Rooi. Umfanekiso: Twitter

Abafana Bes’thende bazuze amanqaku amathathu okwesibini kule sizini emva kokuba bezibethele iPolokwane City ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weDStv Premiership obutak’ iintlantsi namhlanje emalanga eMpumalanga Stadium. Iqela laKwaZulu-Natal likhuphele umsindo walo kwiPolokwane City emva kokuba belivuthululwe yiMamelodi Sundowns ngemvula yamagowuli amane eqandeni kwiveki ephelileyo eLucas Moripe Stadium. Kwelinye icala, yona iPolokwane City ibifuna ukongeza enye impumelelo ngaphezulu kwemidlalo emibini eyiphumeleleyo kwemine eyidlalileyo kule sizini eqhubekayo. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu – kodwa ibe yiRise and Shine ekhawuleze yabhalisa ebhodini.

Emzuzwini weshumi elinanye, uDouglas Mapfumo ufake igowuli yatsho yahamba phambili iPolokwane City eye eMpumalanga inyathelela phezulu emva kokubetha iCape Town Spurs. Abafana Bes’thende khange balibazize. Baphindisile ngebhola efakwe nguNduduzo Sibiya. Phambi kwexesha lokuphumla, uThemba Mantshiyane ufake igowuli lesibini leGolden Arrows. Kuye kwanyanzeleka iqela laseLimpopo liphendule kwisigaba sesibini ngoba belikufuna ukuwuphumelela umdlalo. ULehlohonolo Seema ufake uStevens Goovadia, uLangelihle Ndlovu noNyakala Raphadu. Iinguqu zikaSeema zivelise iziphumo ezihle ngokukhawuleza ngoba uLebohang Nkanki ufake igowuli lesibini lePolokwane City.

Abafana Bes’thende bafake igqala uKnox Mutizwa noSiyanda Mthanti kuba umthwalo ubuthande ukuba nzima ngenxa yePolokwane City ebihlasela macala onke. Kodwa iGolden Arrows iphumelele ngegowuli elifakwe nguLungelo Nguse phambi kokukhutshwa kwakhe kwisigaba sesibini somdlalo. Abafana Bes’thende bahleli kwindawo yesihlanu emva kokufumana amanqaku asixhenxe emidlalweni emine yeDStv Premiership. Kanti yona iPolokwane City ihleli kwindawo yesithandathu nakubeni ibethiwe emdlalweni wanamhlanje. Omabini amaqela aza kufumana ikhefu kwiveki ezayo xa amanye amaqela edlala imidlalo yeMTN8. Emdlalweni wayizolo, iChippa United ibethe iCape Town Spurs ngegowuli elinye. Namhlanje iKaizer Chiefs izibethele AmaZulu emdlalweni obubanjelwe eFNB Stadium.