Abafana Bes’thende bantywilisele Amakhosi emdlalweni weDStv Premiership!

Banyukele kwindawo yesibini Abafana Bes’thende emva kokuba bentywilisele iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eMpumalanga Stadium kwiphondo laKwaZulu-Natal namhlanje emalanga. UMabhuti Khenyeza nabadlali bakhe baqhubele phambili nomsebenzi omhle abawenzayo kwisizini eqhubekayo emva kokuzuza amanye amanqaku abalulekileyo. Eyona nto ewenze nzima umdlalo yimvula emanzise ibala ebelihleli lingekho semgangathweni ophezulu.

Ukubethwa kwawo Amakhosi ibe ziindaba ezimbi kuCavin Johnson ongene endaweni kaMolefi Ntseki okhululweyo ekuqaleni kwale veki ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ebambene ngegowuli elinye macala. Amakhosi awuqale ngokuzithemba okukhulu umdlalo esiya phambili. Bekufanele ukuba ikhona into ayifumeneyo ngoba ahlasele kakuhle kwa kwimizuzu yokuqala kwisigaba sokuqala. Nakubeni kunjalo, Abafana Bes’thende batsazise igazi kuqala ngegowuli elifakwe nguKnox Mutizwa.

Igowuli lifakwe emva kokuba uBrandon Petersen oyiswe kukuchitha ibhola ayinikelwe kakuhle kungekho mntu phambi kwakhe. Aye aphantsi koxinizelelo Amakhosi ngoba ngawo abenabantu abaninzi eMpumalanga Stadium. USifiso Hlanti uyikhulule engxakini iChiefs ngegowuli elihle alifake ngentloko emizuzwini embalwa iGolden Arrows ifake elayo. Isigaba sokuqala besisihle ngoba amaqela omabini akwazile ukubhalisa ebhodini. Nakubeni imozulu ibimbi – kodwa amaqela omabini avelise umdlalo omhle.

Njengeqela elihambeleyo, bekulindeleke iChiefs ilwe ngamandla ukuze igoduke namanqaku amathathu. Emva kwemizuzu elithoba kwisigaba sesibini, iGolden Arrows ibhalise igowuli layo lesibini emdlalweni. Igowuli lifakwe nguMutizwa kwakhona kukho inqwaba yabadlali phambi kwakhe. Amakhosi azamile ukulwa esebenzisa zonke izikrweqe anazo – kodwa kude kwasekugqibeleni bevale mba Abafana Bes’thende abahleli emva kweMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala kwiDStv Premiership.