Abafana Bes’thende baphume ebaleni bethokombisile emva kokuhlazwa yiBloemfontein Celtic

Menzi Masuku of Bloemfontein Celtic and Divine Lunga of Golden Arrows during the Absa Premiership 2019/20 game between Bloemfontein Celtic and Golden Arrows at Dr Molemela Stadium in Bloemfontein on 11 August 2019 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Abafana Bes’thende
bayinikele umva iDr Molemela Stadium bethokombisile emva kokuhlazwa ngemvula
yamagowuli amahlanu eqandeni yiBloemfontein Celtic emdlalweni we-Absa
Premiership obumhle ngeyona ndlela emalanga namhlanje. Isiwelele (Celtic) siye
emdlalweni wanamhlanje sinomsindo emva kokubethwa yi-Orlando Pirates ngo’3-1
kwiveki ephelileyo. Umtshutshisi omkhulu, uNdumiso Mabena, ubhakuzelise umnatha
kungekapheli nomzuzu omnye kuqale isiqingatha sokuqala emva kokuba abadlali
beGolden Arrows bengakwazanga ukuthatha ibhola kuye. UMenzi Masuku ufake
igowuli lesibini emzuzwini weshumi elinesithathu umdlalo uqalile. Ngelo xesha,
kuvele kwacaca nje okokuba iCeltic ifuna amanqaku amathathu noxa bekubonakala
okokuba iArrows izimisele ukulwa.

Kuthe kwakubonakala
ukuba iCeltic ize ngamandla, uSteve Komphela ukhuphe uSiyabonga Dube, endaweni
yakhe ufake uKnox Mutiza – enethemba lokuguquka kwezinto. UJackson Mabokgwabe,
obefudula edlalela i-Orlando Pirates, wenze umsebenzi omhle kakhulu ezipalini. UHarris
Tchilimbou ufake elinye igowuli emva kokudlalelwa nguMabena ibhola entle.
UMzwanele Mahashe no-Andile Fikizolo ngabanye babadlali abafake amagowuli
angcwabe iGolden Arrows. Emva kokuphumelela namhlanje, iCeltic inyukele
kwindawo yesihlanu kwiPSL. UKomphela uyivumile induku emva komdlalo watsho
esithi iqela lakhe libethwe liqela elidlale kakuhle kakhulu.

  

BloemfonteinCeltic: Mabokgwane,
Mashikinya, Potsane, Tani, Baloyi, Mahashe, Mabena, Pfumbidzai, Lingwati,
Masuku, Tchilimbou.

Amalalela: Chaine, Fikizolo, De
Jongh, Khasipe, Luthuli, Maema, Maloisane.

Golden Arrows: Sibanda, Dube,
Bilankulu, Mathiane, Lunga,  Shitolo, Venter, Mtshali, Makhubela, Sabelo,
Gumede.

Amalalela: Mbaeava, Dube, Phiri,
Nkombelo, Lamola, Mutizwa, Matloga.