Abafana Bes’thende baquthiswe kabuhlungu yiDowns emdlalweni weMTN 8

Sibusiso Vilakazi of Mamelodi Sundowns challenged by Danny Venter of Golden Arrows during the 2018 MTN8 quarter finals match between Mamelodi Sundowns and Golden Arrows at Lucas Moripe Stadium, Pretoria on 11August 2018 ©Samuel Shivambu/Backpage

Amagowuli
amabini afakwe nguSibusiso Vilakazi noWayne Arendse ayibeke endaweni entle
iMamelodi Sundowns emva kokuba iquthise iGolden Arrows ngo’2-0 kumdlalo weMTN 8
wokuqala eLucas Moripe Stadium ngale njikalanga. UPitso Mosimane uqale umdlalo
ngabadlali bakhe aqhele ukudlalisa bona – kodwa namhlanje unike no-Andile Jali
ithuba lokudlala okokuqala kule sizini entsha. UGaston Sirino noThemba Zwane ngabona
badlali benze umahluko kakhulu xa iSundowns ihlasela, kanti ikwangabo
abaqinisekise ukuba uVilakazi ufumana iibhola ezimgangathweni phambi kweepali.

IDowns iye
kwixesha lokuphumla iphala phambili emva kokuba ifumene igowuli kushiyeke
uimizuzu embalwa phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala. Akothusanga oko ngoba
ibiyiSundowns kakade ebinamandla nebikwazi ukudala amathuba acacileyo okufaka
amagowuli. Bazamile nabo Abafana Bes’thende nakubeni bengakwazanga ukugqobhoza
kwiDowns emva. Kwisigaba sesibini iDowns yongeze igowuli lesibini yawugqiba
umsebenzi wanamhlanje. USirino ngoyena mdlali othe wachongwa njengoqaqambileyo
emdlalweni wanamhlanje emva komsebenzi omhle awenzileyo esiswini.

Abafana Bes’thende
babuyela KwaZulu-Natal
bethokombise intloko emva kokuphulukana nomdlalo wesibini kule veki. NgoLwesithathu
babethwe yiBloemfontein Celtic ngo’2-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League.
Kanti yona iDowns ikwisimo esihle kakhulu phambi komdlalo wayo weCaf Champions
League ekulindeleke ukuba iwudlale kwiintsuku ezimbalwa ezizayo. Phakathi evekini
ibethe iPolokwane
City
ngo’2-0 kumdlalo
wePSL. Ukuphumelela kweDowns kuthetha ukuthi iya kumjikelo wesibini
inempumelelo esandleni.

Mamelodi Sundowns: Mweene, Morena, Arendse, Madisha, Lakay,
Zwane, Vilakazi (Ngcongca 70), Kekana, Sirino, Maboe (Jali 55), Brockie (Meza
83).

Amalalela: Pieterse,
Mkhulise, Ngcongca, Mabunda, Meza, Jali, Langerman.

Golden Arrows: Gumede, Zwane,
Mngwengwe, Mazava, Lunga (Moreira 76), Sibiya (Phiri 81), Mutizwa, Molefe,
Venter, Conco (Magubane 68), Lamola.

Amalalela: Mabeave, Bilankulu,
Dube, Phiri, Moreira, Cele, Magubane.