Abafana Bes’thende bawabinze ngomkhonto Amakhosi kwaphela ngawo

Siyanda Zwane with Limbikani Mzava of Golden Arrows during the Absa Premiership 2018/19 match between Supersport United and Golden Arrows at the Mbombela Stadium, Nelspruita on 28 October 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UClinton Larsen
yindoda eyonwabileyo kakhulu ngale ntlwa emva kokuba Abafana Bes’thende bebinze
ngomkhonto Amakhosi kwaphela ngawo. Emva kwemidlalo eliqela iGolden Arrows
ingaphumeleli, namhlanje ibethe iKaizer Chiefs ngamagowuli amabini kwelinye
kumdlalo obunzima ePrincess Magogo Stadium. Amakhosi aze emdlalweni wanamhlanje
imisila iphezulu emva kokuvuthulula ngemvula yamagowuli amane eqandeni
iZimamoto kwiCaf Confederation Cup ngoLwesithathu wale veki. Amagowuli weGolden
Arrows afakwe nguLimbikani Mzava omabini. Elokuqala lize ngepenela eze emva
kokuba kuwiswe uLerato Lamola ngu-Erick Mathoho emhlabeni kanozinti.

Igowuli leChiefs
lokubika lifakwe nguLeonardo Castro – kodwa ngelishwa labo abadlali bayo,
abakwazanga ukufumana elokulinganisa. Unozinti weGolden Arrows, uMaxilian
Mbaeva, usebenzile kakhulu ezipalini – kodwa ezinye iibhola zaMakhosi ziphume
ecaleni. Abafana Bes’thende bafake uxinizelelo kakhulu emdlalweni bade bafumana
amagowuli amabini abanike impumelelo nenkuthazo ebekudala beyilangazelela.
UKhama Billiat noLebogang Manyama bazamile ukwenza imigudu abaqhele ukuyenza
emidlalweni – kodwa bafike ngemini embi abadlali be-Arrows bevale mba emva.