Abafana Bes’thende bawenze intlekisa AmaZulu, ePrinces Magogo Stadium

IGolden Arrows inyukele kwindawo yesithathu kuluhlu lwamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League emva kokuphumelelo umdlalo wayo wesibini. Abafana Bes’thende bahlaze AmaZulu ekungekacaci kakuhle ukuba enzani kwiPSL ngo’4-1 kumdlalo obubanjelwe ePrinces Magogo Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Ifolosi elithemba le-Arrows, uLerato Lamola, nguye oqhufuze iqanda ngokubhakuzelisa umnatha kumzuzu weshimi elinethoba kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Iqela likaClinton Larsen liye kulo mlo wamaqela aseKZN linto enye kuphela engqondweni: impumelelo ukuze liqinise ukuhlala kwalo kwangoku isizini isaqalayo.

UNkosinathi Gumede uye wanyanzeleka enze adume ngazo ngethuba enqanda imbumbulu yebhola ebikhatye nguRhulani Manzini obefudula edlalela iChippa United kwisizini edlulileyo. Akaphelanga mandla uManzini ngoba uphinde wazama – kodwa ngelishwa lakhe kwityeli lesibini, ibhola yakhe inqandwe yipali. Kuye kwanyanzeleka ukuba uLarsen enze inguqu emva kokonzakala kukaJabulani Shongwe – umdlali amfumene kutshanje kwiBidvest Wits. AmaZulu akwazile ukufaka igowuli lokulinganisa ngebhola efakwe nguSade Ouro-Akoriko ofumene ibhola entle ebisuka kuKaruru. Ayichithanga xesha iGolden Arrows kwisigaba sesibini, uSiphelele Magubane ufake elesibini kumzuzu weshumi. 

Kuthe xa kubonakala okokuba umthwalo unzima, uCalvin Johnson wafaka amagqala uSiyabonga Nomvete noMabhuti Khenyeza. Uphantse weza nento uMabhuti ngathuba lithile sekusondela ixesha lokuphela komdlalo – kodwa ibhola yakhe iphume ecaleni kwepali. UMahachi noMutizwa bafake amagowuli amabini wokugqibela weGolden Arrows, ngalo ndlela yaba iwafumana onke amanqaku. AmaZulu asengxakini ngoba asanzinyelwe kakhulu kwicala lokuphumelela imidlalo – kodwa yona iGolden Arrows isendaweni entle kakhulu ngokufanayo nakwisizini edlulileyo ngeli xesha.

Golden Arrows: Pule, Mtsweni, Sikhakhane, Nyongo(c), Ouro-Akoriko, Darpoh, Morton, Karuru, Cele, Manzini, Nomvethe

AmaZulu FC: Gumede, Dube, Mngwenge, Mzava, Nkombelo, Cele, Shongwe, Mahachi, Magubane, Jooste, Lamola.