Abafana Bes’thende bayikhabe ngesithende iPirates zacima izibane

Igoduke imongoza i-Orlando Pirates emva kokukhatywa ngesithende kabuhlungu ngaBafana Bes’thende ngo’2-0 kwacima izibane emdlalweni weDStv Premiership obumhle eSugar Ray Xulu Stadium ngokuhlwa kwanamhlanje. Ezimnyama zivalwe umlo kakubi emva kokuphumelela kakuhle kwiveki ephelileyo zibetha iKaizer Chiefs ngo’2-1. Endaweni yayo, iGolden Arrows izicacise kwasekuqaleni komdlalo okokuba ifuna ukuphumelela.

Oko kucace ngakumbi ngethuba uKnox Mutiza ekhaba ibhola ebethwe nguRichard Ofori ngesandla yaqabela phezu kwepali. AmaBhakaniya alwile nawo emdlalweni obubaleka ngesantya esiphezulu kakhulu. UDeon Hotto uphantse wabhalisa ebhodini ngebhola ayifumene kuPaseka Mako – kodwa ngelishwa, ifike uSifiso Mlungwana ethe qwa ezipalini. UPule Mmondi uyibeke endaweni entle iGolden Arrows ngegowuli alifake phambi kokuphela kwesiqingatha sokuqala somdlalo.

Phambi kokuqala kwesigaba sesibini, uJosef Zinnbauer ufake uBen Motshwari, noGabadinho Mhango. Ukhuphe umdlali osakhulayo uAzola Tshobeni noNtsikelelo Nyauza oye wonzakala. IPirates ifumene ithuba lokufaka igowuli lokulinganisa emzuzwini weshumi elinesihlanu kwesesibini ngethuba uLindokuhle Mtshali ebamba ibhola kaFortune Makaringe ngesandla.

Nangona eye wayifaka emnatheni lo bhola, usompempe nomncedisi wakhe bayikhombe echaphazeni. Ngelishwa lePirates, uThembinkosi Lorch ontywilisele iChiefs kwiveki ephelileyo, namhlanje uqabelise ipenela. Emva koko uMmondi ushiye amadoda ezizigede wafaka igowuli lesibini. Bazamile abadlali bePirates ukuhlasela macala onke – kodwa iGolden Arrows ikwazile ukukhusela amagowuli wayo. Abafana Bes’thende banyukele kwindawo yesine basuse iPirates ehlele kwindawo yesihlanu.

Arrows: Mlungwana, Lunga, Sibisi, Zuke, M.Dube, Mmodi, L.Dube, Makhubela, Parusnath, M.Gumede, Mutizwa.

Amalalela: N.Gumede, Nkombelo, Sabelo, Ndlovu, Mtshali, Conco, Phiri, Sibiya

Pirates: Ofori, Jele, Nyauza, Maela, Makaringe, Monare, Ndlovu, Mako, Tshobeni, Hotto, Lorch

Amalalela: Sandilands, Dzvukamanja, Mntambo, Muwowo, Dlamini, Jooste, Hlatshwayo, Mhango, Motshwari.