Abafana Bes’thende bayikhabe ngesithende kwaphela ngayo iCape Town City

ULorenzo Joao Gordinho weCape Town City FC noLungelo Nguse weLamontville Golden Arrows emdlalweni weCarling Black Label Knockout namhlanje. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Abafana Bes’thende badlulela phambimi kwiCarling Knockout emva kokuba bekhabe ngesithende iCape Town City ngo’3-1 emdlalweni obubaleka eMpumalanga Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Ukuphumelela kwayo iGolden Arrows ziindaba ezimnandi kuyo futhi kugqina ukwenza kwayo kakuhle kule sizini kanti ikwa sisitampu somsebenzi omhle owenziwa nguMabhuti Khenyeza obeqale isizini noVusumizu Vilakazi okwiChippa United ngoku. Umdlalo ubuphethwe yiCape Town City kwizigaba zozibini zomdlalo nakubeni ingaphumelelanga.

Abafana Bes’thende baphumelele ngoba amathuba avelileyo bawasebenzise kakuhle. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela ebambene ngegowuli elinye macala. Nakubeni ingengomdlalo obusemgangathweni ophezulu kakhulu – kodwa amaqela ebezimisele kakhulu eMpumalanga. Abafana Bes’thende bahleli emva ngoba bekubonakala ukuba abazimiselanga ukulahlekelwa nto kwisigaba sokuqala somdlalo. Badlalile abadlali beCape Town City ngendlela yabo eqhelekileyo besiya phambili ngesantya esiphezulu. Baquqe bebuyelela abadlali beCity emhlabeni weGolden Arrows – kodwa into ebinzima kukusebenzisa amathuba.

Ziguqukile izinto emzuzwini wamashumi amabini anesixhenxe ngethuba uTebogo Tlolane efaka igowuli lakhe elihle ethe qelele. Kuye kwanyanzeleka iCity inyuse umxakatho ngoba bekucacile ukuba ayigushuzi, kunganzima ukuqhekeza iGolden Arrows kwisigaba sesibini. UTaahir Goedeman ufake igowuli lokulinganisa emzuzwini wamashumi amathathu anesihlanu. Emzuzwini wesibini kwisigaba sesibini, uNduduzo Sibiya ifake igowuli lesibini laBafana Bes’thende. Ipenela ithe gqi emva kokuba umdlali weCity ebambe ibhola ebhokisini. UKnox Mutizwa, ongene kwisigaba sesibini somdlalo, uye wafaka igowuli lesithathu leGolden Arrows.

Oku kwenzeke nakubeni umdlalo ubulawula yiCape Town City, elona qela ebelidlala umdlalo omhle ebaleni. Kuye kwanyanzeleka ukuba Abafana Bes’thende badlalele emva ngoba ibiquqa emhlabeni wabo iCity ebizama ukubhatala ityala lamagowuli amathathu. Ekuzeni kuphela komdlali, uGledwin Shitolo uyichithe isiya emnatheni ibhola seyinethemba iCity. Iphumelele iGolden Arrows ngamagowuli amathathu kwelinye. Amakhwenkwe ka-Eric Tinkler aza kubeka iingqondo zawo ngoku emidlalweni yeDStv Premiership. UKhanyisa Mayo uvotelwe njengomdlali oqaqambileyo.