Agoduka iintliziyo zibuhlungu Amakhosi emva kokuba engakwazanga ukufumana amanqaku apheleleyo emdlalweni wanamhlanje. Abafana Bes’thende bayihluthe intlaka isemlonyeni kwiKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership ophele amagowuli emabini macala (2-2) eSugar Ray Xulu Stadium. UGavin Hunt uqale umdlalo namhlanje ngo-Itumeleng Khune endaweni kaDaniel Akpeyi obeqhele ukudlala.
Elona qela eliqale kakuhle umdlalo yiGolden Arrows ebidlalela ekhaya. Umdlalo weChiefs uye wadibana ngokuhamba kwexesha. Iphantse yafumana iChiefs – kodwa ibhola yayo ebidlalwe kakuhle nguPhilani Zulu onikele uLeonardo Castro iye yabetha epalini. Abafana Bes’thende babhalise ebhodini kuqala ngepenela ekhatywe nguSiboniso Conco emva kokuba uZolani Nkombela ewiswe phantsi nguWillard Katsande. Azamile ukulwa Amakhosi – kodwa iinzame zawo azizanga nanto kwade kwaphela isigaba sokuqala.
Emva kwekhefu, Amakhosi afumene igowuli ngebhola efakwe nguCastro isuka ekoneni kuKhama Billiat. Igowuli liwanike amavili Amakhosi ngoba aquqe ebuyelela emhlabeni weGolden Arrows eyeke uCastro wafumana igowuli lesibini. Izilwele nayo iGolden Arrows efumene igowuli lesibini ngebhola entela efakwe nguSibiya odlalelwe nguMutizwa ongene kwisigaba sesibini somdlalo.
Komnye umdlalo, iChippa United iphume ebaleni ingciphuza emva kokuba ibethwe yiStellenbosch ngamagowuli amabini eqandeni ngenjikalanga yanamhlanje. Iqela likaLehlohonolo Seema liye eNtshona Koloni linethemba lokuphumelela emva kokubetha iMaritzburg United ekhaya. Akubanga njalo ngoba iStellies ilwe kwakuko yatsho yafumana impumelelo yayo yokuqala kule sizini. Yona iBlack Leopards ibethe iMaritzburg United ngo’1-0.
Arrows: Mlugwana, S.Dube, Sibisi, Mathiane, Nkombelo, Shitolo, Ndwandwe, Parusnath, Mmodi, Conco, Gumede.
Amalalela: N.Gumede, Sabelo, Ndlovu, Sibiya, Mutizwa, Khwela, N. Dube, Zuke
Chiefs: Khune, Moleko, Cardoso, Mphahlele, Ngezana, Zulu, Katsande, Ngcobo, Manyama, Castro, Billiat
Amalalela: Akpeyi, Parker, Agay, Baccus, Sasman, Ntshangase, Blom, Sifama, Macheke
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala