Abafundi bephephandaba bathetha ngomdlalo weChiefs nePirates

Ifolosi ye-Orlando Pirates, uKermit Erasmus, uhambe engabhungisanga, kungoku nje ungumdlali weqela laseFrance.

Umbuzo: Ucinga ukuba indawo yakhe ingavaleka kwiPirates?

Ungenza namazwi umnqwenelele okuhle kwiqela lakhe elitsha.

Masibhale ngesiXhosa njengesiqhelo ke ntoza’kuthi, izimvo ziya ephepheni kule veki.

Abongile Dobe: Ibonakele izolo lndawo yakhe ngoku bebedlala neKaizer chiefs, ndikwamnqwenelela nempumelelo apho ayakhona

Sivuyile Peter:

Akubi lula ukuvala indawo yomntu ofana no- Erasmus, ndithi kuye aziphathe kakuhle apho aye khona, wonke umdlali uyanqwena ukuya kwenye indawo. Ukuba kunzima ubuye Ndodana#ntingaNtakaNdini.

Sandisile Sandae Ndala: Hay zimbi zona iindaba nanjengoko iPirates ibisamdinga, kodwa kunyanzelekile ekhulile naye

Thando T’do Msutu: Indihluphile into yokuhamba kwakhe ngesaquphe uKermit Erasmus kwi- Orlando Pirates indawo yakhe iyabonakala nangomgqibelo kumdlalo ebesinawo ibicaca….Kodwa kunjalo ndimnqwenelela impumelelo kwiqela lakhe elitsha, abafakele amanqaku ukuze aphakamise iflegi yase- Mzansi Africa

Luyanda Duka Namahlathi Gibson:

Hayi mna ndimnqwenelela okuhle, kodwa akwaba uyoligqamisa izinga loMzantsi afrika abeyindumasi .

Xoli Aaron: Pirates iyakuthatha ixesha ukufumana ifolosi eyakuvala indawo yakhe.

Nkosikona Matera: Umhle umsebenzi wakhe kakhulu, koko abantu beloko bekhomba umnwe kumnqenqeshi balibale ngabadlalali.

Ukusebenza nzima kuko okumehlisa kumenyusa umntu.

Xoli Aaron:

Ndithande idraw mna.

Mandisa Marah Njaza: Ndiyamgxeka usompempe IPirates uyidlele indlala.

Simbongile Mlenga: Iiforosi zala maqela zibuthuntu, umqeqeshi wepirates kwisiqingatha sesebini wenze utshintsho oluhle wafaka abantu abanebhola abayaphambili lonto iphantse yamvuza

Athi Zduli Majikazana: AmaKhosi ancediswe ngusompempe ngephumelele amaBhakaniya, ngoba umdlalo ibiwulawula kumjikelo wesibini .

Humphrey Sigonyela: Zidlale zombini qha bohlulakala pha ekugqobhozeni inqaku.

Nozipiwo Mantana: Zidlalile kodwa uSompempe uyidlele indlala iPirates kodwa ke akhonto ngephumelele amaBhakajuju pha kula mdlalo ingakumbi kumjikelo wesibini, ndithande nale yoba ebambene ngamanqaku

Sphiwo Klaas:

Qalinge tsiiii le nkwenkwe iyashukuma … kodwa ke * -1 -1 ulungile

Sikhumbuzo Ckura KhosiFan Mgxwati: Ubunganikisi Mdla. Hlumkeza Bonke: kwenzeke njengoba benditshilo iingxaki ziyalingisana

Bk Nagotiator Magwaza:

uSompempe makasolwe mzi kaPhalo ngeke indlela ebenza ngayo ubungafunga uthi uthengiwe.

Mkhululi DiMkhusta Maswana:

mna ndigxeka umvikeli waMakhosi kuba, kwinqaku elingenileyo kungenxa yakhe kwaye uzenzisile ngela nyawo kuba angakwazanga ukuphuma early ezipalini .

kodwa ke asiphelelanga apho uGaxa kumele aphiwe irest kukhe kudlaliswe inkwenkwana encinci kula ndawo.