Abalandeli bagxeka uNjekanye ngokubethwa kukaFuzile

Ukubethwa kuka-Azinga Fuzile kuxhokonxe ingxoxo ngeyona nto ekufanele ayenze. Abanye bathi uFuzile makavuke azivuthulule aye phambili ngoba ikamva lakhe lisaqaqambile – kodwa abanye bathi makaxoze omnye umphini ukuba ufuna ukukhula emdlalweni wamangqindi. Ngamanye amazwi bathi makamshiye umqeqeshi wakhe uMnu. Mzamo “Chief” Njekanye ukuze akwazi ukufumana umqeqeshi onokumnceda aphumelele intshanga yehlabathi. Konke oku kuvele kwizimvo zabalandeli bamanqindi kwikhasi lonxibelelwano, uFacebook, emva kokuba indedeba yaseMonti ibethwe nguKenichi Ogawa waseJapan emlweni obubanjelwe eMadison Square Garden kwisixeko saseNew York, eMelika, ngentseni yeCawe egqithileyo.

Bonke abagwebi bavumelene ukuba uFuzile ubethwe ngamanqaku ahambe ngolu hlobo: 115-110, 115-111 no-114-111. Kuye kwanyanzeleka uNjekanye anyamezele ukubukela imbethimanqindi yakhe ivuka phantsi emva kokuwiswa izihlandlo eziliqela emdlalweni. Ngelo xesha uFuzile ebengaqhubi kakubi emdlalweni – kodwa zizinto ezo ezimbuyisele umva kakhulu kwilinge lakhe lokufumana intshinga ye-IBF junior-lightweight eyakhe yaphunyelelwa ngamadoda afana noCassius Baloyi noMzonke Fana. Ngaphandle kwamathandabuzo, uFuzile (25) uphoxekile kakhulu ziziphumo zomlo wakhe ngoba impumelelo yeyona nto ebiza kumphakamisa kakhulu. Kokwesibini ephulukana nomlo ebomini bakhe njengembethimanqindi ekudidi oluphezulu.

“Umlo abethwe kuwo uFuzile kusinika elinye ithuba lokucholachola amava aza kusinceda kwixesha elizayo. UFuzile usemncinane, unekamva eliqaqambileyo futhi usenalo ithuba lokuphumelela intshinga yehlabathi ebomini bakhe. Abagwebi bayithandile kakhulu indlela asebenze ngayo. Lo nto icacisa gca ukuba besingazanga apha (eMelika) ukuzobethwa,” utshilo uNjekanye kwiphephandaba laseGoli. UNjekanye uphoxekile emva kokungaphumeleli kwembethimanqindi yakhe – kodwa kuthiwa engamphathi kakuhle kakhulu bubukho bukaColin Nathan phaya eMelika. UNathan wayeqeqesha uFuzile ngaphambili – kodwa ke ngoku badityaniswa yiRumble Africa Promotions abakuyo bobabini. Ngokwengxelo, uNjekanye akayazi into ebifunwa nguNathan phaya eMelika. Yingxaki abaphathi beRumble Africa ekufuneka bazame ukuyisombulula ngokukhawuleza.