Abalandeli bakaMessi baqumbile emva kokukhonkxwa yi-Iceland

Lionel Messi (2nd R) of Argentina reacts after the FIFA World Cup 2018 group D preliminary round soccer match between Argentina and Iceland in Moscow, Russia, 16 June 2018. By: FACUNDO ARRIZABALAGA / EPA

Abalandeli
bakaLionel Messi baqumbile emva kokuba engacholanga naphantsi kumdlalo
we-Argentina wokuqala kwi-2018 FIFA World Cup namhlanje. Izolo, indoda
akhuphisana nayo, uCristiano Ronaldo, ibhakuzelise umnatha yatsho yafumana
amagowuli amathathu anceda iPortugal ebambene ngo’3-3 neSpain kumdlalo obutak’
iintlantsi. Namhlanje uMessi uvinjwe ithuba lokubeka ilizwe lakhe endaweni
entle ngethuba unozinti, uHalldorsson, ebamba ipenela yakhe kumdlalo ophele
i-Argentina ne-Iceland zibambene ngo’1-1 eMoscow Stadium. Omabini amagowuli
angene kwisigaba sokuqala somdlalo. Abadlali be-Iceland elilizwe elincinane
babonisile ukuba abayanga eRussia ukuyokongeza amanani.

Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Isiqingatha
sokuqala siphele amazwe ebambene ngegowuli macala. Ilizwe lase-Iceland lothuse
abantu abaninzi ngokumelana ngamandla neziqwayi zabadlali be-Argentina abaquka
uLionel Messi, uDI Maria noSergio
Agüero. Iphelile imizuzu engamashumi amabini kwisigaba sokuqala
somdlali abadlali be-Argentina bengakwazi ukufumana igowuli – kodwa kuthe
sekungaseni uSergio Agüero wenza adume ngazo. Ufake ibhola entle ayibeke
ekoneni ibhola emva kokuvunyelwa ngabadlali be-Iceland abadlala emva. Kodwa
khange kuphele mizuzu mingaphi – uFinnbogason ufake igowuli lokulinganisa.

Image may contain: 3 people, people playing sports, stadium and outdoor

Abadlali be-Iceland
babuye betyhile emfeneni kwisigaba sesibini somdlalo kaGroup D. Bayixheshe ngamandla i-Argentina
ebingenazo iimpendulo. UMessi ucikwe ipenela nguHolldorsson ebinikwe
i-Argentina emva kokuwiswa komdlali wayo. Abekhona amathuba afunyenwe
ngabadlali be-Argentina – kodwa ayikwazanga ukugqobhoza kwade kwase
kugqibeleni. Umdlalo uphele ebambene ngegowuli elinye macala. Ilizwe lase-Iceland
lenze umsebenzi omhle kakhulu nakubeni kwisiga sesibini lingakwazanga kangako
ukuya phambili.

Argentina: Caballero,
Salvio, Otamendi, Rojo, Tagliafico, Biglia, Mascherano, Meza, Messi, DI Maria, Aguero.

Iceland: Halldorsson,
Saevarsson, Arnason, R. Sigurdsson, Magnusson, Gudmundsson, Gunnarsson, Hallfredsson,
Bjarson, G. Sigurdsson, Finnbogason.