Abalandeli bakruqukile yinto eyenzeka kwiChippa United

Abalandeli beChippa United abangaxolanga bathi makuphele ukugxothwa kwabaqeqeshi benganikwanga thuba lokwakha iqela. Umfanekiso: Uthunyelwe

Ibakruqule
into eyenzeka kwiChippa United abalandeli. Ekuqaleni kule veki, abalandeli
abangaxolanga bangqawuze bayokutsho kwi-Ofisi yeqela labo eseNelson Mandela Bay
Stadium. Injongo yemigushuzo yabo bathi badinwe ziinguqu ezenziwa yiChippa
United abaziva sezithe saa kumajelo endaba bengaxelelwanga ukuba kwenzeka ntoni
bona kuqala. Kwiveki ephelileyo, iChippa United, ibe ngundaba mlonyeni emva
kokuba igxothe uDan Malesela kuba idlale ntanganye ngo’2-2 neBlack Leopards kumdlalo
we-Absa Premier Soccer League obuseSisa Dukashe Stadium. Ingxelo ekhutshwe
yiChippa yabalula ukungancumisi kwendlela eqale ngayo isizini entsha. Ixwebhu ebeliqulethe
izikhalazo nezinyanzeliso lamkelwe ngomnye wabaphathi beChippa United, uMnu.
uLukhanyo Mzinzi. Phakathi kwezo zinto kukho ezi zinto:

  1. Ngenxa yokuthanda iChippa,
    sizama ukuyisindisa ehlazweni.
  2. Sifuna kubuyiselwe isidima
    sikaDan Malesela ngokuxolisa kukasihlalo uSiviwe Mpengesi.
  3. Sizama ukukhusela no-Eric
    Tinkler kule nto yokugxothwa kwabaqeqeshi.
  4. Sanele kukugxothwa kwabaqeqeshi
    benganikwanga ithuba lokwakha iqela.
  5. Iqela malohlukane nokuthengisa
    abadlali abaphambili.

                              Image may contain: 1 person, standing and outdoor

I’solezwe
lesiXhosa lithethe noMthetheleli Mange othe ngokwenene ayibonwabisanga indlela
ekwenziwa ngayo izinto kwiChippa United. “Izinto siziva kooFacebook nakumajelo
endaba. Ngokuya bekukho uTrompies (Luthando Zibeko) ebethetha nathi
sizingabalandeli. Ebeqhakamshelana noPamela Buya – oyinkokeli yethu balandeli
ngamaxesha onke. Ngoku asimazi ukuba uyephi futhi akukho mntu othetha nathi,”
utshilo uMange.

UZibeko akakabonakali oko iqalile isizini,
kukho amahum-hum athi akaseyiyo inxalenye yeChippa United. UMange uthi ukuba
izinyanzeliso zabo bagqibe kwelokuba bangayi emidlalweni yeChippa United.