Abalandeli baza kungeniswa simahla yiCape Town City xa kuvalwa isizini

Abalandeli bebhola ekhatywayo baza kufumana inyhweba yokungena ebaleni simahla emdlalweni wokuvala isizini. Oku kubhengezwe yiCape Town City kule veki. Emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni emininzi kwisigaba sesibini sesizini esongwayo, iCape Town City inethemba lokuvala ngendlela eyahlukileyo futhi eza kuncumisa abalandeli bayo eKapa.

Umdlalo uza kutaka iintlantsi ngoba iCape Town City iza kudibana neRichards Bay emdlalweni wokugqibela weDStv Premiership kwiveki ezayo ngoMgqibelo. Iqela laKwaZulu-Natal liya eKapa lifuna amanqaku anokulinceda liphephe izembe xa kuvalwa isizini ebinzima kakhulu kuyo ukusukela ekuqaleni.

Nangona iCity ifuna ukuphumelela ukuze ibambe indawo yesine kwiDStv Premiership – kodwa yiRichards Bay enxanelwe amanqaku kakhulu. Ikhuthazekile emva kokubetha i’Orlando Pirates ngo’1-0 kwiveki ephelileyo. Amanqaku amathathu ayisondeze kwiRoyal Am etsala nzima nayo kwelayo icala.

Ukuvala isizini kakuhle yeyona nto enkulu kwiCape Town City engaqhubanga kakuhle kule sizini. Kubonakala ngathi iqela lithathe isigqibo sokufaka abalandeli simahla njengendlela yokuphulula iinduma zomphefumlo wabalandeli abothuswe yindlela engaqhelekanga iqela labo elidlale ngayo.

“Ndifuna ukubulela bonke abalandeli abaxhase iqela lethu yonke le minyaka edlulileyo nangona siphantsi kwemeko engancumisiyo. Sijike ikona ekupheleni konyaka ka2023 sikwindawo yesibini kwiDStv Premiership futhi sinethemba lokuba siza kuyivala kakuhle isizini.

“Ngelishwa lethu, siphantse sasivala isiqingatha sesibini sesizini singaphumelelanga. Mnye kuphela umdlalo esiwuphumeleleyo kwelishumi elinanye esiyidlalileyo. Yinto engamkelekanga leyo xa sijonga indlela esiqhele ukudlala ngayo. Siye sagqiba kwelokuba sibulele abalandeli bethu ngokubangenisa ebaleni simahla,” utshilo uJohn Comitis onguSihlalo weqela.

“Wonke umntu akonwabanga yimeko esikuyo. Kodwa okubalulekileyo endingakuchaza kukuba sibambe intlanganiso nabadlali abathe baza kuwabhatala amatikiti abalandeli abazileyo emdlalweni wokugqibela ngokwabo. Abadlali bathe abalandeli baza kungena simahla emdlalweni wokugqibela.

“Lo nto ithetha ukuthi umntu angalifumana itikiti ngokuya kwiTicketPro okanye kwi’Ofisi kaTicketPro eseGreen Marketplace – kodwa inani lamatikiti aza kuba simahla liqingqiwe. Sicela inkxaso emdlalweni wethu wokugqibela. Ndiyathemba ukuba siza kuyivala kakuhle isizini lo gama sicwangcisela isizini elandelayo,” utshilo uComitis kwividiyo eshicilelweyo.